Idabi lezityebi zibini eliqheleke kumakhasi onxibelelwano ngoku lisiwa eqongeni – apho aza kubethana ngqo esikhumbeni. Oosomashishin baseMelika, uMark Zuckerberg no-Elon Musk, bafunana emlweni ekulindeleke utsale umdla wabantu abaninzi kwihlabathi. UZuckerberg ngumnikazi wenkampani ekithiwa nguMeta ezala uFacebook, Instagram, uWhatsApp noThreads osungulwe kwinyanga ephelileyo. Kanti yena uMusk ngumnikazi weenkampani eziquka uX obekade enguTwitter, uTesla Motors, uSpaceX, uSolar City, uTesla Energy noNeuralink. UMusk, oyinzalelwane yaseMzantsi Afrika noxa ekhulele eMelika, ngoyena mntu onemali ukodlula wonke umntu ehlabathini emva kokuduma kokwenza iimoto ezisemgangathweni futhi ezinomahluko kweziqhelekileyo ebantwini.
Ekuqaleni kwalo nyaka, uMusk ube ngundabamlonyeni emva kokuthenga ikhasi lonxibelelwani, uTwitter, ngemali eyi$44-billion. Njengoku uMusk noZuckerberg bengoosomashishini abakhuphisanayo kwicandelo lezobuchwephesha, banomkhwa ombi wokuqhwayana kakubi kumakhasi onxibelelwano. Ukunyhikilana kwabo kuye kwenyukela emva kokuba uZuckerberg esungule uThreads – inkampani efana ncamashi noTwitter onguX ngoku. Njengomntu ohleli egxekwa ngenxa yezigqibo azithathayo kwiinkampani zakhe, luye kwakhula uxinizelelo kuMusk emva kokuzalwa kukaThreads (ophantsi kuka-Instagram) ofike wabhalisa ikhulu lezigidi zabantu (100 million) kwiintsuku nje ezintlanu.
Kanti inani labantu abakuX lona liqikelelwa kumakhulu amahlanu ezigidi. Ezi zigwili zibini ziye zavumelana kwinyanga ephelileyo ukuba mazidibane emdlalweni ekuthiwa yiJiu Jitsu odlalwa nguZuckerberg. Into engakacaci okwangoku lusuku lomlo – kodwa uMark Zuckerberg uthe ulinde uMusk axele usuku. “Ndiyawuthanda lo mdlalo. Ndakulungela ukudibana noMusk kwa ngala mhla wathi masidibane. Xa sivumelene ngosuku, uza kuva kum. Kude kufike elo xesha, niya kulinda ukuva kum. Ngomhla womlo, ndifuna kugqame abadlali beJui Jitsu. Siza kuyenza lo nto ngokusebenzisana neenkampani ezifana no-UFC okanye u-ONE,” utshilo uZuckerberg kuThreads kule veki. Iingxelo zithi umlo uza kuvezwa ngqo kumaqonga onxibelelwa kaMusk noMark ngokwahlukana kwawo.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo