Kuzolile edolophini yaseGcuwa nangona izitalato zeelokishi zinabantu abaphithizelayo

Ivenkile yakwaSpargs Super Spar kwidolophi yaseGcuwa. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Bekuzolile edolophini yaseGcuwa nagona ibikhona imingqandandana yabantu engaphakathi ezivenkileni ngokwashukana kwazo. Ngentsimbi yesithathu ngale njikalanga yanamhlanje, I’solezwe lesiXhosa, lityhutyhatyhutyhe izitalatweni zedolophu yaseGcuwa ngelizama ukujonga imeko. Ekuqaleni kweveki, uMongameli Cyril Ramaphosa, uyalele bonke abantu baseMzantsi Afrika okokuba bahlale ezindlini zabo ngelizama ukubamba isantya esikhawulezayo ehamba ngaso ikhorona egqugqisa phantse onke amazwe ehlabathi. Amashishini azimelyo kucelwe athi xha ngokusebenza – kwaze kwanikwa amashishini athile afana nalawo athengisa ukutywa okuluhlaza, awezempilo, iinkampani zamafutha nezinye ezibalulekile – ilungelo lokusebenza iiyure ezithile. Injongo karhulumente kukuzama ukuphungula ukuxinana kwabantu.

Image may contain: outdoor 
Amashishi avuliweyo eGcuwa namhlanje aquka uSpargs SuperSpar, iigaraji zamafutha eemoto, uShoprite neebhanki namhlanje. Zonke iivekile zisebenza phantsi kwemiyalelo yezempilo ethi abantu mabasebenzise izibulali zeentsholongwane, bahlambe izandla imizuzwana engamashumi amabini nokuvula umsantsa xa bekrozele ukuthengiselwa ngaphakathi. Umntu ngamnye xa engena emnyango ebekhwijwa ezandleni ngesibulali-ntsholongwane kwaSuper Spar – kanti bona abasebenzi bebefake izikhuseli ebusweni nasezandleni. Ngaphakathi bekungekho bantu baninzi kwaphela. Yena uShoprites ebengenaso isibulali-ntsholongwane akhwija ngaso abantu emnyango – kodwa ke bebengafikanga nakumashumi amahlanu abathengi ngaphakathi. Ngaphandlela kwesitalato esinye esinqumla idolophu ebesineemoto ezibalekayo zisiya ngaseMonti naseMthatha – ezinye izitalato bezikhal’ ibhungane.
Image may contain: sky, tree and outdoor    
Imeko yasedolophini ibiyohlukile kakhulu kweyasezilokishini. Iimoto beziphitizela ezilokishini. Izithuthi zabantu eziluhlobo lweKhombi neemoto ezincinane beziphithizela kwiindlela eziphumayo nezingenayo ngokwahlukana kweelokishi. Abantu bebesihla besenyuka ezitalatweni – kodwa ikakhulu ibilulutsha. Njengokuba kuthiwe mazivalwe iindawo zentselo, akukho bantu babonakele benxilile kodwa ezitalatweni. Ukugcinwa kwabantu ezindlini kulindeleke kuqingqithe iintsuku ezingamashumi amabini ananye. Inani labantu abosulelwe yikhorona eMzantsi Afrika lisukela iwaka elinamakhulu amabini. 
No photo description available.