‘Kwakungelulanga kuthi bazobi ngaphambili’

USandi Sali ongumzobi ephethe eminye yemisebenzi yakhe

Isiphiwo yinto ozalwa nayo, hayi oyiyela esikolweni. Oku kungqinwe nguSandi Sali welokishi yaseDaliwe, eKatikati, nongumzobi ozenzela igama kweli phondo nozoba ubuso bomntu buphume bunjalo. Uthi uziqaphele enemiminyaka elishumi kuphela ngethuba efunda ibanga lesithathu eNolo Primary, eKatikati.

“Mhla kukho ubhuti owayeceliwe ukuba azobe ilogo kwidonga lesikolo sam ndambukela eyiqala ekuqaleni ndaphoswa nazi zifundo ezilandelayo kuba oko ndandibukele ezoba udonga phandle. Ukuphuma kwesikolo ekhaya ndafika ndathatha ilidi kwakunye nephepha ndilinganisa yonke into ebisenziwa ngulo bhuti esikolweni, ndaqalisa nokulingisa ukuzoba abantu abadumileyo. Oko ndandihlelelwe ngulo mzobo de ndalala kanti yaba sisiqalo sokugqabhuka kwetalente endinayo yokuzoba,” utshilo uSali.

Uthi yena akazange afundiswe mntu ukuzoba wazifundisa ngokwakhe nangona nje esithi waya eBuffalo City Collage, eMonti, eyokwenza izifundo zobugcisa kuba efuna ukuziphuhlisa nangakumbi kodwa wayeka phakathi ngenxa yeengxaki ezithile.

USali, uthi nangona nje ekhule ezoba ukhe wayeka ixesha elide exakeke zezinye izinnto. Uye wabuyela kwakhona ekuzobeni ngo2016, emva kokugujululwa ngabantu aba bemazi ukuba unesakhono ekuzobeni.

Uthi umnatha wonxibelelwano owafikayo ofana noFacebook, uTwitter kwakunye no-Instagram, wafika wenza indima enkulu kubo babazobi. Uthi ngaphambili kwiAfrika iphela ubom kubo bazobi babungekho lula. Eminye yemcelimngeni athi babedibana nawo ngaphambili engekabikho uFacebook, xa ungumzobi ukuze ukhule okanye umsebenzi wakho ubonwe bekufuneka uwuse kumaziko obugcisa (igallery) kube kuthathwa leyo ithile xa ungaziwa.

Uthi emva kokunqumama ixesha elide ekuzobeni waye wenza imizobo yalishumi yosapho wayixhoma kuFacebook nathi yagubhulula uluntu oluninzi lunomdla ngale mifanekiso.

“Ndaziwe kakhulu ngoFacebook kuba imizobo yam ndiyenza ndakugqiba ndiyixhome khona. Abantu zange bakholelwe ukuba ndizobe ngesandla sam xa babe qala ukuyibona.

Uthi ukuze ukhule kweli candela bekufuneka uye kwidolophu ezinkulu. Kodwa oko yena uye wakulwa wahlala kwidolophana yakhe.

USali uthi sele bebaninzi oosaziway asele ebazobile. Ungamtyelela kuFacebook wakhe xa ufuna ukuzibona uzotyiwe uqala kuA4.