Kwakuwa umth’ omkhulu, isithonga siyavakala!

Ngubani na obesazi ukuba ithole likaDumitru liza- kunduluka besanxanelwe ukuncanca kwimibele ebhonxisileyo abebhola ekhatywayo?

Ngubani na obekubonile ukusithela ngephanyazo kwale ngqungqumbana yesangxa sikamavula-kuvaliwe yebhola lethu, ibhola labathakathi noosikhand`amayeza? Ngomhla wama-26 kule nyanga kaCanzibe, liphinde latshona emin`emaqanda kubathandi bezemidlalo boMzantsi Afrika, ingakumbi kubalandeli bebhola ekhatywayo.

Kaloku ngale mini kuvakele isithonga kumajelo oonomathotholo nakumabonakude, isazisa ngokusithela ngephanyazo komnye wabaqeqeshi bebhola ekhatywayo nonesakhono esihle nesingenakuphikiswa, utata uTeoderescu “Ted” Dumitru.

Lo bawo unabela uqaqaqa ekudederhu lweevenkile kwelo laseRhawutini, iimpukane eziluhlaza zithi woselwe yintliziyo engacingelanga. Nanjengendoda ke ebinegalelo elihle ekuphakamiseni izinga lebhola ekhatywayo kweli loMzantsi Afrika nakwizwekazi leAfrika ngokubanzi, ukumka kwakhe kwinyanga yokubhiyozela iAfrika akusothusanga kuyaphi.

Ewe, bambi baza- kuqhankqalaza ngelithi uTed ebengelothole leAfrika ngokuzalwa, kodwa abalandeli bebhola ekhatywayo kwiAfrika iphela bebesazi mhlophe ukuba lo bawo ebesele ethathwa njengonyana wesizwe, bambi bade bambize ngelithi, “Ted, the adopted son of South Africa.”

Kaloku oku kubangelwa ligalelo lakhe elihle ekuphuculweni kwebhola ekhatywayo kuMzantsi Afrika uphela.

Ngaphandle kwale ndlela ebebizwa ngayo, akho namanye amagama abonakalisa ukuthakazelelwa kwakhe ngumzi ontsundu olandela ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, magama lawo afana nala:

“Master Ted”; “Professor” okanye “Mr Magic”. La magama uTed uwathiywe ngenxa yokuthandwa kwakhe ngabalandeli kuba ibingomnye wabaqeqeshi besoka abakwaziyo ukujika amatye abezizonka.

Umzekelo, lo bawo uqeqeshe kuwo omathathu amaqela amakhulu ebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. Amaqela afana naMakhosi; amaBhakaniya namaSandawana!

Kuwo omathathu loo maqela, lo bawo ebefika kusanda kuguzulwa umqeqeshi owoyiswe yeyokosa, iziphumo zingavumi kwaye zingancumisi, ifike le ngqungqumbana yenzalelwane yaseRomania ijike amatye abe- zizonka. Ithi isaqala ukuqeqesha kwelo qela kuphele kuthi tu ukuthwaxwa kwalo, koko litshatshele kuviwe ngalo.

Uqeqeshe kuwo omathathu la maqela ukusukela kwesa sithuba sika-1985, ukuza kuthi ga ku-2009, ekwakhonya nakuqeqesho lweqela lesizwe iBafanabafana!

Kula maqela waziwa kakuhle ngokuphumelela iindebe ezifana neyeLeague, indebe yeRothmans, eyeNedbank, iMTN 8 nezinye eziliqela. Kungoko uTed ebengomnye wabaqeqeshi basemzini obebhiyozelwa ethandwa kakhulu ngabalandeli bezemidlalo eMzantsi Afrika, ingakumbi abebhola ekhatywayo.

Inqabe kakhulu ke kwisizwe sethu into yokuthakazelelwa komntu wasemzini, ingakumbi ubone ukuba kunyembelekile xa ethe walishiya eli limagada ahlabayo. Kuthe kwakuvakala ukuwa kwalo mthi umagqabi ayokoyoko kwibhola ekhatywayo yezwe lethu, umzi ontsundu wanxakama wagxwala emsanweni.

Oku kugxwala bekusukela kwindlela ebexatyiswe ngayo umfo kaDumitru. Ukuxatyiswa kwakhe bekuzalwa kukuba nobuntu kwakhe kwanokuxabisa kwakhe abadlalali abantsundu kangangokuba bambi kubo bazibone bedlala nakumazwe aphesheya, bephakamisela phezulu iFlegi yoMzantsi Afrika kuloo mazwe.

Kuninzi okunokufundwa ngabanye abantu basemzini kumzila womanyano owenziwe ngulo kaDumitru kwibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika. Asingabo bonke abaqeqeshi basemzini abanokufumana intlonipho newonga elinikwe lo kaDumitru ngumzi ontsundu.

Yena eli wonga ulithweswe walinikwa ngenxa yobuntu bakhe, ukuxabisa kwakhe umntu nokuba ngowaluphi na uhlanga, nokukhuthaza umntu ukuba azimisele koko akwenzayo, kwaye anganqandwa naziinkwenkwezi. Ngobuntu bakhe uTed Dumitru usikhumbuze abanye abantu basemzini abasahlonitshwe kakhulu kweli lizwe lookhokho bethu.

Abantu abafana nonyawontle uFather Trevor Huddleston; uFather David Russel; ubawo uJoe Slovo nowakwakhe umama uRuth First; nabanye abaninzi ababethathwa njengenxalenye engagungqiyo yomzi ontsundu. Abemi banamhlanje bangafunda lukhulu kubo!

Ukuba sonke singabemi boMzantsi Afrika sinokubonakalisa ukumnqwenela okuhle omnye umntu, kungakhethe bala, kungakhethe lwimi kwaye kungakhethe mvelaphi, isizwe sethu singagquba uxolo, kuphele nokubukulana ngokobuhlanga!