‘Kwathiwa masingafuni misebenzi, kodwa ngoku…’

MALUNGA namashumi amane anesibhozo wabo babesakusebenza kwaNozukile Superspar eNgqushwa bashiyeke bengenamisebenzi kwinto abayichaza njengomkhethe emva kokuvulwa kwakhona kwale venkile eyayitshe ngumlilo kweyeDwarha 2019.

Ukutsha kwale venkile, abasebenzi bathi baxelelwa ngabasemagunyeni ukuba akukho sizathu sokuba bafune eminye imisebenzi kuba imisebenzi yabo ikhuselekile kule nkampani.

Iqela labo babengasebenzi bevenkile ethengisa ukutya uSpar eNgqushwa, nabashiyeke bengenamisebenzi kwinto abayichaza njengomkhethe emva kokuvulwa kwakhona kwale venkile eyayitshe kweyeDwarha 2019. UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Bathi barhole iinyanga zantandathu emva kokutsha kwevenkile, ze ngomhla wamashumi amathathu ananye kweyoKwindla nyakenye badendwa yinkampani.

Emva kokuba bedendiwe, le nkampani yaxelela aba basebenzi ukuba xa kunokuvela izithuba zingaphelanga iinyanga ezintandathu emva kokuba bedendiwe, baza kubonelelwa ngokujongwa kwezakhono zabo. Oku akwenzekanga kuba inyanga yoMsintsi nyakenye ifike ingekavuli kwakhona le venkile.

Le venkile ivule kwakhona ekuqaleni kwenyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka, kodwa uninzi lwabo babefudula besebenza kule venkile, abazange babonelelwe ngezithuba. Izithuba bezibhengeziwe yile nkampani, ze abasebenzi, ngokokutsho kwabo, bafaka izicelo kodwa bathi akukho namnye owaqeshwayo kubo.

Oku kubashiye bengaxolanga abo babesakusebenza kule venkile, abafana noHlumile Ngwekazi, osebenze isithuba esingangonyaka phambi kokuba itshe le venkile. Abo babesakusebenza kule venkile bakhe babamba uqhankqalazo ngethuba kuvulwa kwakhona, kodwa abaphathi babathintela besebenzisa ingalo yomthetho.

“Emva kokuba kutshile saye sadibana nabaphathi. Abaphathi basixelela ukuba imisebenzi yethu ikhuselekile, akukho mfuneko yokufuna imisebenzi. Sirhole iinyanga ezintandathu emva kokuba kutshile.

“Kwinyanga yesixhenxe umphathi wabuya esithi akazukwazi ukusihlawula njengesiqhelo kuba asisebenzi. Umphathi wathi masicinge izinto esinokuzenza ukuze asibhatale. Saya kwaMasipala eNgqushwa apho uMasipala wathi akayichasi lo nto, qha ufuna abaphathi bakwaNozukile Superspar batsho ukuba siza kuhlawulwa nguye kumsebenzi woluntu esiwenzayo. Umphathi akazange ayibhale lo mbalelwano.

“Ziqhubile iindibano, kodwa wabe esithi umphathi akazukwazi ukuqhuba nokusihlawula kuba ebesithi wayesihlawula kwipokotho yakhe. Singabasebenzi sacela isiqinisekiso sokuba kuhlawula yena siqu. Sacela nesiqinisekiso sakhe sokubhalela i-inshorensi, kuba umphathi wayesithi iyamsokolisa i-inshorensi. Zange sayibona lo mbalelwano.

Abasebenzi baye badendwa. Amaxwebhu okudendwa kwethu athunyelwa ngomnye woogxa bethu,” utshilo uNgwekazi, exelela I’solezwe lesiXhosa.

Aba bebesakuba ngabasebenzi bathi ngomhla weshumi elinesibhozo kweyeSilimela nyakenye baya kwaCCMA eBhofolo, ze kwenziwa isigqibo sokuba kufuneka bathatyathelwe ingqalelo njengabasebenzi xa ivenkile ilungile.

UWendy Bavuma, osebenze iminyaka elishumi kule venkile, uthe: “Siva kabuhlungu kakhulu yinto esiyenziwa ngabaphathi yokungabuyeli emsebenzini. Abanye bethu kuxhonyekekwe kubo emakhayeni wethu. Into esicinga ukuba idale ukuba singathathwa ngumqashi kukuba sinemanyano yabasebenzi. Abaphathi baphaya abayifuni into edibene nemanyano yabasebenzi.”

“Siyile emapoliseni, sayofuna iimpephamvume zogwayimbo futhi sazifumana. Emva koko umphathi waya enkundleni ephakamileyo eMakhanda. Umphathi wethu akanazo izizathu zokuba angasibuyiseli emsebenzini. Wayesithembisile ngemisebenzi, wade wathi masingafuni eminye imisebenzi.

“Into eyenzekileyo kuye kwakhutshwa izithuba zengqesho, sazifaka izicelo. Kubizwe abantu abathathu kuphela baya kudliwanondlebe, kodwa zange baphinde babizwe,” utshilo uBavuma.

UNosisanda Mpetse, usebenze iminyaka emihlanu kule venkile. UMpetse uthi abaphathi babebathembisile ukuba baza kuba ngabantu bokuqala ukubuyela emsebenzini xa ivenkile ilungisiwe.

“Kodwa ngoku sibona sele kuqeshwe abantu abatsha, thina singaphandle. Ayisiphethanga kakuhle le nto. Bekukubi kakhulu ngethuba umphathi eyeka ukusihlawulisa imali emva kweenyanga ezintandathu, kuba kaloku kukho abantu abaxhomekeke kuthi. Asikhange sikwazi ukufumana nezi R350 zikarhulumente kuba besivela njengabasebenzi bakwaSpar,” kutsho uMpetse.

Yena uKhanyiswa Bhofolo, naye osebenze iminyaka emihlanu, uthe: “Abantu baseNgqushwa abasixhasi kweli dabi lethu kuba besithi kukho iimali esazinikwa nguSpar, kodwa abasazi isivumelwano sethu nomqashi.”

I’solezwe lesiXhosa likwancokole noMveleli Faltein, olilungu lesigqeba kwisebe leANC kwaWadi 8 eNgqushwa.

“Ukuyiva kwethu le nyewe yakwaSpar, sive kakubi kakhulu. Le nto yenzeka ngethuba ilizwe lijongene neemeko ezimbi ezenziwe yiCovid-19, kodwa uSpar wakwazi ukuphelelisa umsebenzi abantu abangaka.”

Eli phephandaba liye kumanejala othile kule venkile eNgqushwa, noyalele ukuba kuthethwe noJanine Hayward, ojongene nezabasebenzi kwiivenkile zakwaSpar eMpuma Koloni.

UHayward, emva kokuba simthumelele umyalezo kanomyayi, uthe uza kudlulisa imibuzo yeli phephandaba. “Hi Sithandiwe, andinagunya lokusa kwabezendaba ulwazi. Wamkelekile ukuthumela imibuzo nge-imeyili kum ze mna ndiyidlulisele kuDeon Schnetler, ingqonyela yeevenkile [zakwaSpar].”

Ngenene I’solezwe lesiXhosa layithumela imibuzo kuHayward ngomhla weshumi elinesithathu kuTshazimpuzi 2021, yabuya impendulo kaHayward isithi “imibuzo oyibuzayo isephambi kwasenkundleni, ngoko ke asinakuphefumla okwangoku”.

Abo bebefudula besebenza kule venkile bathi balindele ukuba umbandela wabo uxoxwe ukuze kubonwe ukuba ayikhange ibe nomkhethe kusini na le venkile. Umhla wokuxoxwa kwalo mbandela ubungekacaci ngethuba sibhala eli bali kule veki.