‘Kwatshona ulwimi emqaleni ndikhutshwa izinyo!’

WAYEYOKUKHUPHA izinyo kwisibhedlele saseCecilia Makiwane eMdantsane ngo2002, kodwa endaweni yokuba aphumzeke kwiingqaqambo zezinyo, uPriscilla Tobeka Jantjies (45) uthi wavela akavaleka mlomo, ulwimi lwakhe lwashwabana latshona emqaleni.

UJanjties uthi ulapho iingxaki zakhe zaqala khona, kuba ngoku ugogeke ngokomzimba futhi akakwazi kuhamba.

Le nkosikazi, eyayihlala eMdantsane futhi izisebenzela ngelo xesha, ithi yagqibela ibizwa ngugqirha ukuba iyokukhupha izinyo.

“Le nto yaqala ngomhla weshumi elinesihlanu kweyeDwarha 2002 ndiyokukhupha izinyo eCecilia Makiwane. Ndahlatywa inaliti, ndalinda emva koko ndaya kugqirha. Kodwa ndazigqibela ngelo xesha wayendikhupha ngalo izinyo, ndavele ndavuleka umlomo awavaleka, ulwimi latshona emqaleni.

“Emveni koko ndalaliswa esibhedlele, kanti lonke eli xesha kukho umthambo othe waphazamiseka. Zange ndiphinde ndikwazi ukuba ndim ukusukela ngoko,” utshilo uJantjies, osele wabuyela kowabo eJeffreys Bay, ngethuba ebalisela I’solezwe lesiXhosa.

UPriscilla Tobeka Jantjies UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Le nkosikazi, enabantwana ababini uNocawe (25) noAnele (22), ithi imeko imbi kakhulu kuyo ingakumbi emva kokuba iswelekelwe ngumyeni ngo2017.

“Kuthiwa akazange atyikitye phantsi iimpepha zokuba ndincedakale ekufumaneni imbuyekezo yemali kwingxaki yam eyenziwa ngamagosa esebe lezempilo eMpuma Koloni. Amagosa ezempilo andehlisa endenyusa, akandincedi.

“Ndisentlungwini, akukho mntu wokundinceda, andiyazi ukuba mandithini. Ngoku bendinqwenela athi uThixo endithatha kube kukho uncedo olukhoyo kubantwana. Andikwazi kuhamba, ndilele ngomqolo. Yiminyaka ilishumi elinesithoba ndingakwazi ukuzenzela kwanto, ndifakwa amanaphukeni. Ibuhlungu imeko yam.

“Utata walapha endlini waphuma engena esibhedlele ezama ukulungisa imeko yam. Ugqirha owayendikhupha eli zinyo wazimela kanti ngeli xesha akhangelwayo uzitshintshe igama lakhe,” kutsho uJantjies.

Kwiveki ephelileyo, uJantjies ukhe wazama ukuzibulala, ngokuzityakatya umzimba ngesikhali, ngenxa yomvandedwa ekuthiwa udalwa yimeko aphila phantsi kwayo.

UJantjies uthi imbuyekezo yemali, emva kokudontsisana enkundleni, waye wayifumana kusithiwa yiR500 000. Kodwa ukuza kuthi ga ngoku kunzima ukuyifumana le mali, bandehlisa bendenyusa.

Urhulumente wephondo uthi le R500 000 yayisisipho sasimahla kuba iinkundla azizange zifumane kunxulumana kwemeko yale nkosikazi kwakunye nenkqubo yokukhutshwa kwezinyo.

“Into abayithethayo kukuba utata walapha endlini wabhubha engatyikityanga kule mali, ngoko ke ngoku bathi ibango laphinda lajika. Akukho mbalelwano ndingayibhalanga. Utata walapha endlini wayenceda mna, ibango lelam hayi yena,” utshilo uJantjies.

Isithethi sesebe lezempilo ephondweni uSizwe Kupelo uthi emva kwezikhalazo zale nkosikazi, isebe laye lenza uphando lwalo lwangaphakathi “apho kwaye akwafunyaniswa nto edibanisa ukukhutshwa kwezinyo kwakunye nemeko yakhe (le nkosikazi)”.

“Usapho aluzange luzamkele ezi ziphumo zophando ze kwachongwa ingcaphephe ezimeleyo, nayo engazange ifumanise nto edibanisa ukukhutshwa kwezinyo kwakunye nemeko yale nkosikazi.

“Usapho lwaye lwaqalisa umbandela wokwenza ibango kwisebe kwaye akuzange kubekho nto edibanisa ukukhutshwa kwezinyo kwakunye nemeko yakhe. Elinye lamagqwetha osapho laye laqhubezela isebe ukuba livuze le nkosikazi ngokwesisa.

“Olu sapho lakhe lanikwa imali esisipho sasimahla (gratuitous offer) se-R500 000 eyayiphunyezwe ngowayeyintloko yesebe (ngelo xesha) uGqr. Siva Pillay, kwaye esi sipho kwakuyalelwe ukuba masamkelwe zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amathathu (30) okanye siza kurhoxiswa xa singamkelwanga lusapho,” utshilo uKupelo, esithi ukubhubha komyeni wale nkosikazi ngo2017, phambi kokutyikitywa kwebango, kwathetha ukuba akusekho bango.

UKupelo uthi obesakuba nguMphathiswa kwiSebe lezeMpilo, uNomsa Jajula, wangenelela ngokwesisa kwimeko yolu sapho apho kwagqitywa ukuba malakhelwe indlu eJeffreys Bay. Indlu entsha yakhiwa ze yafakelwa nefenitshala, utshilo uKupelo.

“IVodacom Foundation yanikela ngeSpaza ukuze usapho luqale ushishino. IVodacom Foundation yaphinda yazinikela ekundiseni uNocawe de abekanti ufikelele kwimfundo enomsila.”