Kwazi Bani?

CINGA ngothando lwababini oluvangwe lulonwabo nochulumanco, kodwa jikijiki lwambathwe zizehlo zengcwangu nokungavisisani de kuphele sekuphuma nesidumbu.

Eli libali eliqulathwe kwincwadi yenoveli kaThina Namba ethi “Kwazi Bani?”

Le noveli iqhubeka eMonti naseGqeberha kwaye igxile kwezothando nezomtshato. Noxa nje linazo iindawo eziwonwabisa uthi thimbilili umphefumlo womfundi, kodwa ligqame ngeziganeko ezihlahlambisa umzimba nezibonisa mhlophe ukuba ikroba lengcinezelo ngakwisini soomama kubomi baseluthandweni, okanye nasemtshatweni wababini, livulwa ngamandla kukungaphangeli kwabo beeqhiya.

Kule noveli kukho uMboniso njengomlinganiswa ophambili. UMboniso utshate noMondli Phakade. Ziye azabintle izinto phakathi komtshato wesi sibini.

Xa zibakrakra izinto, uMondli uvakala esithi kunkosikazi wakhe uMboniso: “No maan, no, sukuqala ngezi zinto zoos’thandwa sam apha, kuba uyandigezela. Andiyifuni tu le nto uyenzileyo ukuba uyokuthetha nomama kunye nosisi ngezinto zethu. Lo mtshato ngowam nawe, hayi abanye abantu”.

UNamba, obhale le ncwadi, ukhe wasebenza kwiKomkhulu lamaRharhabe eMngqesha. Ngoku uphangela kwiOfisi yeNkulubaphathiswa kweli phondo kwicandelo lokukhuthaza uzathuzo eluntwini iMoral Regeneration Movement.

“Injongo yokubhala kwam incwadi ikukulumkisa amagqiyazana asakhulayo ngezinto eziye zibe neziphumo ezibi kwezothando, ukukhuliswa kulondolozwe ulwimi lwesiNtu, iimfundiso ngamasiko nezithethe zethu.

“Le ncwadi ilikrele lam lokulwisana nomkhuba ombi wokonzakalisa amanina emoyeni nasemzimbeni kwanasenyameni. Ngokuthi baziqaphele kwangoko ezinye zezinto ezingabafaka ezingxakini kubomi babo,” kutsho uNamba.