Kwenzakele abantu abayi17 yashiyeka ilele ngecala itrakhi

Itrakhi ilele ngecala yatyekeza abantu abayi17. UMFANEKISO: ER24

EKAPA: KWENZAKELE abantu abalishumi elinesixhenxe ngelixa itrakhi ebebekhwele kuyo ibidlula ezinye iimoto kuN2 highway phambi kwegophe likaR300 eKhayelitsha namhlanje.

 

Isithethi sikaER24 uRussel Meiring uthe omnye waba bantu wonzakele kakhulu.

 

Uthe iqela lezonyango lakwaER24 namapolisa eMetro bafike kule ndawo yengozi malunga no08h21 kusasa bayifumana ingqengqe ngecala lasekunene le trakhi.

 

“Abantu abaninzi ebebekhwele etrakhini ngasemva baye basasazeka kuloo ndawo. Abezonyango baye bahlola izigulane bafumanisa ukuba konzakele abantu abalishumi elinesixhenxe. Enye indoda yonzakele kakhulu. Abezonyango bawanyangile la maxhoba engozi bawanika amayeza okudambisa iintlungu phambi kokuba basiwe ezibhedlele,” utshilo uMeiring.

 

UMonde Gladile obelinde ibhaki yomsebenzi uthe akazange wayibona ingozi emasikizi ngolu hlobo. “Bekuthe saa imizimba nje endleleni. Ibiyincwina ngapha nangapha. Khange ndifune nokujonga. Ndinosizi lwezo ntsapho zilinde ootata babuye emsebenzini ukuba zizakuthini xa zisiva ukuba basezibhedlele,” utshilo.

UNoludwe Ngoma ohlala kufutshane nalapho yenzeke khona le ngozi uthe azinqabanga iintlekele ezinje kule ndawo. “Amatyotyombe wethu ayabotyozwa zimoto qho apha. Ezi ngozi zixhaphake kanye ngeli xesha lakusasa. Kodwa ibinkulu kakhulu le sisayikhuza nangoku. Zange sayibona imizimba emininzi kangaka ithe sa endleleni. Ngethamsanqa yenzeke abantwana besezikolweni ngoba bebezakubona isikizi,” utshilo.

UNgoma uthe ukuba bebenayo enye indawo yokuhlala ngebefuduka ngakuN2. “Sibethwa kukuba asina ndawo yimbi yokuhlala. Kukho amaxesha abantu balapha abakhe bavuke belele xa ezi moto zibotyoza amatyotyombe wabo. Lo nto yenzeka ngakumbi kwaba bahlala ecaleni koN2 kanye. Ndikhumbula kulo nyaka ungapha kwalo uphelileyo usizi olwenzekayo apho usapho lwaluntanta nosana emva kokuba kwangena imoto etyotyombeni labo belele,” utshilo.