Kwenziwa izitulo ngamavili eNgcobo

Umnini ndawo yokoja inyama kwidolophu yaseNgcobo uthi ukubona abantu abonwabileyo besophula izitulo zeplastiki abezisebenzisa kwindawo yakhe kumenze wacinga cebo limbi.

Lo mfo usemtsha unguLudwe Bambani uthi xa abantu bonwabile ingakumbi ngempelaveki bahlala nanjani na ezitulweni bame nangeenyawo kuzo bajuxuze zophuke kube ngu saa. “Iveki neveki bekufuneka ndithenge ezinye izitulo yaye leyo yinkcitho endingayifuniyo, ngenye imini ndathi ndihleli phezu kwetayara elidala ndacinga ukuba xa abathengi bam benokuhlala kuwo ndingayeka ukuchitha imali kwizitulo zeplastiki,” utsho uBambani.

Emva kwale ngcinga waye waqokelela amavili amadala kwindawo ekulungiswa kuyo iimoto, wawahlamba waqalisa ukwenza izitulo. Udibanisa amavii amabini awathungele ngentambo eyomeleleyo, enze nendawo yokuhlala ngentambo, elinye ivili lenziwa indawo yokungqiyama.

Ezi zitulo zingaqhelekanga zihlalisa kamnandi ngohlobo olungummangaliso, zintofontofo, kwaye zibufana nesi situlo kuthiwa yiRocking Chair xa ufuna ukugungqa kuso, umntu uhlala athi zava kuzo agungqe ayokuma apho athanda khona. Intambo netayara azophuki nokuba umntu ukweyiphi imeko.

Ngenxa yokuthandwa kwezi zitulo abathengi bakaBambani baxhwithana ngazo xa bezokuzonwabisa kule tshisanyama yaye bathi maziphume ezi zeplastiki kugcwale itayara, abanye abapheleli nje ekuzonwabeleni xa belapha baye bamcela ukuba abenzele abathengisele baye nazo kumakhaya abo.

‘’Ngoku ndizibona ndineshishini ebendingakhange ndilicinge lokwenzela abantu izitulo ezibhamapayo,’’ utsho ehleka.

Nabani na ofuna ukwenzelwa esi situlo ufaka i-odolo enzelwe, ixabiso lixhomekeka kubukhulu besitulo eso.