Labulawa ngumzukulwana ixhegwazana, intsusa ngamalongwe!

Ngumfana onamashumi amabini anesithoba ubudala (29) ogama linguSandiso Matse, othe wagwetywa amashumi amabini eminyaka engaphakathi ejele yinkundla yamatyala eTsomo emva kokufunyanwa enetyala lokugwinta umakhulu wakhe onguNolast Matse.

Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Jackson Manatha, uMatse wabanjwa ngonyaka ka2015 emva kokuba ethe wahlaba umakhulu wakhe uNolast (81) emhlaba kuba esuke wambuza ukuba kutheni esebenzisa amalongwe wakhe.

UManatha uthi uNolast wayehlala nomzukulwana wakhe kwilali yaseNqancule eNgqamakhwe.

“ Kwakungentseni, uNolast wona ngokubuza umzukulwana wakhe uSandiso ukuba kutheni esebenzisa amalongwe azigcinele wona nje. USandiso zange aphendule wavuthamelana ngumsindo engqala ngqo ngemela kumakhulu wakhe emhlaba wabhubha kwangoko,” utshilo uManatha.

Oku kwenzeka emva kwentsimbi yesixhenxe kusasa ngomhla weshumi elinesine kwinyanga kaCanzibe ngonyaka ka2015.

UManatha uthi amapolisa ephondo asamkele esi sigwebo, watsho esithi esi sigwebo sakuthi sibe sisifundo nakubanye babenzi bobubi abathe gqolo bexhaphaza abantu abadala ingakumbi amanina kwakunye nabantwana abangakwazi ukuzilwela.

“Ubundlobongela ngakumanina kwakunye nabantwana yeyona nto iphambili kuthi ekulweni ulwaphulo mthetho. Sakuqinisekisa ukuba abenzi bobubi bayavalelwa,” utshilo uManatha.