Laduma Ngxokolo: ‘Enkosi Mpuma Koloni!’

Usofashoni uLaduma Ngxokolo, ophakathi emfanekisweni, efumana iwonga kuMphathiswa uOscar Mabuyane, ekhohlo, kwanoVuyani Dayimani oyingqonyelwa kwiArhente yeMiyezo nezoKhenketho eMpuma Koloni UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

USOFASHONI uzenzele igama ngokuqaqambisa imvelaphi yakhe yokuba ngumXhosa, uLaduma Ngxokolo, uthiwe jize ngewonga elikhethekileyo eMonti ngoLwesine, elinikwa nguOscar Mabuyane, onguMphathiswa wezeZimali, uPhuhliso lwezoQoqosho, ezoKhenketho kwanezeNdalo kweli phondo. 


UNgxokolo, owasungula inyathelo lemithungo iMaXhosa by Laduma ngo2011, uzenzele igama kwihlabathi jikelele ngeempahla zakhe zexabiso ezithandwa kunene. 


Ngokokutsho kwakhe, eli linge waliqala eBhayi apho azalwa khona, ejolise ekwenzeleni amakrwala iimpahla zokunxiba, kodwa ngoku iimpahla zakhe zinxitywa ngumntu wonke futhi ziboniswa kumaqonga efashoni kwihlabathi jikelele.


Eli wonga likhethekileyo likaNgxokolo (32), ulinikwe kumsitho wamawonga ezokhenketho ephondo iLilizela Tourism Awards kwihotele iThe Venue eHemingways ngokuhlwa kwangoLwesine.


Ebalisela I’solezwe lesiXhosa emva kokufumana eli wonga, uNgxokolo uthe: “Ndiziva ndiwongekile kakhulu kukuqatshelwa ngurhulumente waseMpuma Koloni ngemisebenzi yam. Ndiyavuya kakhulu kuba abantu abaninzi abayifumananga le nyhweba yokuwongwa ngemisebenzi yabo. Enkosi Mpuma Koloni!”


“Ndikhenketha ihlabathi lonke ngokomsebenzi wam, futhi apho ndikhoyo ndithetha ngolwimi lwam isiXhosa kwaye ndiphakamisa nenkcubeko yeli phondo. Andisokuze ndiyilibale imbali nemvelaphi yam, yiyo le nto apho ndikhoyo ndiye ndizidle ngabantu baseMpuma Koloni,” utshilo uNgxokolo.


Ethetha phambi kokuba awonge uNgxokolo, uMabuyane uthe: “Siqonde ukuba makhe sijonge apha kuthi oyena mntu wenza utshintsho olumangalisayo kwicandelo lezokhenketho nefashoni. Sibone engekho omnye umntu ngaphandle kukaLaduma Ngxokolo.


ULaduma ubona ukubaluleka kwisiXhosa sethu, yiyo lo nto sibone ukuba masimwonge ukuze simphe amandla akhule nangakumbi.”


UMabuyane uthi xa ulutsha lungabonela kuNgxokolo, kuninzi olungakuzuza kwezoshishino. 


“ULaduma ukhulela eZwide, endaweni yokuleqa izinto zangoku, wabona ukuba makaqaqambise ukubaluleka kwenkcubekho yethu thina maXhosa. Yile nto sithi kukuphila ngenjongo, le nto yenziwa nguLaduma.”