Laduma: Sakubonana enkundleni Zara

Iikawusi zakwaZara ezifana twatse nezo zikaLaduma Ngxokolo UMFANEKISO: Facebook

Usofashoni waseBhayi uLaduma Ngxokolo, ozenzele igama ngokwenza iimpahla zokuswenka ezifuthwe ngebuyambo yaseAfrika, uthi amagqwetha akhe aphezu kombandela wokubiwa kwemibala yeempahla zakhe yivenkile yeempahla zodidi iZara.


IZara ingundabamlonyeni emva kokujikeleza kweekawusi zayo kumaqonga ezonxibelelwano ezifana twatse nemibala yeempahla zikaNgxokolo.

Ebhala ku-Instagram nakuFacebook ngokuhlwa kwangoLwesibini, uNgxokolo, weMaXhosa by Laduma, uthi kudala edibana nemibandela efana nale, futhi uthe gqolo ukuyiphumelela.

“Amagqwetha wam axakekile ngulo mbandela, sikwenza oko siyazi ukuba yindlela yoshishino kaZara le, kodwa siza kunyanzelisa umthetho sisebenzisa isolotya leSouth Africa: Copyright Act 98 [ka1978].

“Nokuba zihambe njani iziphumo, mna nosapho lwam siza kubuyisela zonke iimpahla esizithenge kwaZara,” kubhale uNgxokolo.

UNgxokolo ukwathe uZara sele eqalile ngokususa iikawusi ezifana neempahla zakhe kwivenkile eseSandton.