Lakuxoxwa kunyaka ozayo ityala laseBCM

Limiselwe umhla weshumi elinanye, kwinyanga ka-Epreli, kunyaka ozayo ityala lamalungu ombutho we-ANC eBCM, nalandelwa zizityholo zokusebenzisa gwenxa imali eyayabelwe ukwenza amalungiselelo omngcwabo kabawo uNelson Mandela.

Eli tyala belixoxwa eMonti izolo. Limiswe logama kusaqwalaselwe umongo wezityholo ezambethe abatyholwa yinkundla ephakamileyo eRhini. UPhumlani Mkolo, Zukiswa Ncitha, Themba Tinta, Luleka Simon-Ndzele no-Ondela Mahlangu, baphakathi kwabatyholwa abaphambili kweli tyala ngezityholo zokusebenzisa gwenxa imali eyayilungiselelwe umngcwabo kaMandela eQunu, ngoDisemba ka2013.

Ingxelo ithi, kulindeleke ukuba kwenziwe uphando oluthile ukuze ngalo mhla uchaziweyo liqhubele phambili ityala. Eli tyala ligqibele ukuvela enkundleni kwinyanga kaNovemba walo nyaka.

Yimali ekwizigidi ezithandathu zeerandi eyathi yahamba ngondlela-mnyama, amagosa kamasipala esabelana ngayo endaweni yokwenza amalungiselelo. Enye yemali yayiphuma kwiqumrhu elijongene nophuhliso eMpuma Koloni (ECDC) nekwabangela ukuba kugxothwe amagosa aphezulu.Ukuvela kweli bholo kwabangela ukuba amanye wala magosa abanjwe ngelixa amanye athi ayibuyisa imali nje emva kokwanda kwezindaba. Owayengusodolophu womasipala waseBCM ngelo xesha uZukiswa Ncitha, washiya esikhundleni sakhe emva kokukhula kwezityholo zokuchaphazeleka kwakhe kwelibholo.