Lala ngoxolo Father Xolisile Kondlo!

AZIKHOLELEKI iindaba zokushiywa lelinye lamaqhawe alwe nesifo se-Interstetial Pneumonitis ithuba elide uFather Xolisile Kondlo.

UKondlo sele encokole neli phephandaba ngesimo sakhe sempilo amatyeli amabini. Ityeli lokuqala, lo kaKondlo wayesinabisela ngokufumanisa kwakhe ukuba uphila ngaphandle kwemiphunga, okwesibini wabelana nathi ngokubaluleka kokuphisa ngamalungu omzimba afana nentliziyo, izintso kunye nemiphunga.

Ebengaphelelanga nje ukulwela impilo yakhe, uKondlo obelelinye lamalungu aphambili ombutho wokuphisa ngamalungu omzimba obizwa #1DonorSaves7Lives, bekwalwela nabanye abakwimeko yokulinda isisa sokuphiwa amalungu. UKondlo, nobenamashumi amathathu anesibhozo eminyaka (38), wagcotywa njengonyawontle wenkonzo yamaKatolike (Catholic Priest) ngekaTshazimpuzi ka2012. Wasibalisela esithi, lusuku angasoze alilibale elo ebomini bakhe:

“Ubomi bam ndibuchithe ndishumayela, kwaye ndiyitoliki yenkonzo, nto leyo yayindinika isizathu sokuphila nolonwabo. “Mihla le ndiphakama kusasa yayiba yintsikelelo ukuze ndichukumise iimpilo zebandla lam, noluntu ngokubanzi,” wasibalisela watsho uKondlo. Kodwa noxa kwakunjalo, ubomi bukaKondlo bajika babasisithoko-thoko sobumnyama ngethuba efunyaniswa nesimo se-Interstetial Pneumonitis ngonyaka ka2013.

“Isimo se-Acute Interstitial Pneumonitis, sisifo semiphunga esingaqhelekanga. Asinaye oyena nobangela obambekayo, kwaye kwimeko yam sahlasela imiphunga esempilweni saze sayenza ayasebenza.” Kwela nqaku, uKondlo wasibalisela ukuba kususela oko wafunyaniswa nale meko, ubomi bakhe baphela buba yinto angayaziyo. “Mihla le ndilwela umoyana endiwufumanayo, kwaye lunye kuphela unyango loku, kukufumana imiphunga emitsha,” wathetha watsho uKondlo. UKondlo behlala enxibe umatshini wokumpompa umoya ukuze abenako ukuphila (nanjengoko umbona emfanekisweni).

Bekubanzima ukuthetha imizuzwana emibini engakhohlelanga okanye aphelelwe ngumoya. Okona bekumhlupha kakhulu kukungayenzi imisebenzi yakhe yenkonzo ebefudula eyenza ngaphambili. “Umsebenzi wam njengomPriest waseKatolike kukuma phambi kwebandla ndishumayele ilizwi leNkosi, ndinxulumane nabantu, ndithethe ixesha lonke. “Ndibhaptize abantu, ndiqhube iinkonzo zemingcwabo, ndiculisa ikwayala yenkonzo, ndityisa umthendeleko, ndisikelela abantwana kwakhona ndinika neengcebiso ebazalini.

“Nam ndiphile impilo yabantu, ndincokola nezihlobo nkalo zonke, kwaye ndisonwaba nosapho lwam ngexa ndisitya isidlo nalo. “Ndihlekile, ndililile, kuko konke oko bendingayazi indima ebalulekileyo edlalwa yimiphunga yam. Onke loo maxesha abonakala njengamaxesha empucuko kungoku. Kaloku ndinzinyelwe kukwenza konke oko. “Andikwazi kuyithetha into engaphaya kwemizuzu emibini ndingaphazanyiswanga lukhohlo-khohlo olungalawulekiyo ndize ndisokole ukuphefumla,” wathetha watsho uKondlo.

Ubalisa athi uphume engena ezibhedlele de oogqirha bagqiba kwelokuba bamnike umatshini azakuncedisa ngaye ukuphefumla ekhaya. “Lo matshini nguwo ondinika umoya wokuphefumla. Ugcine ubomi bam, ukuze ubomi bube lula, ndanikwa umatshini endizakukwazi ukwehla ndisenyuka nawo, ndiwuthe qhiwu njengetasi naphina apho ndikhoyo.

“Okubalulekileyo, kukubethwa yimitha yelanga ndihamba phandle, ndifumane nomoya obetha kamnandi.” Ngo2015, ubomi bukaKondlo bafumana intlantsi yethemba nekwakukudala eyilindele, kaloku wafumana iindaba ezimnandi zokuba ufumene indawo kuluhlu lwabalinde ukufumana imiphunga emitsha.

“Ndathunyelwa kwisibhedlele saseMilpark esiseRhawutini, nalapho kwenziwa iimvavanyo eziliqela. Ezo mvavanyo zazikhangela ukuba ngokwenene ndikulungele ukufumana imiphunga emitsha kusini na. Ukuphumelela kwam ezo mvavanyo, ndabekwa kolo luhlu.” UKondlo usutywa kukufa esalinde isisa kulowo onokuthi amnike imiphunga.

Kodwa isimo sakhe besele kungoku nje esibona njengesimfaneleyo ukuze abalise ibali kananjalo ancede abo badada kwimeko efana neyakhe. Ebesele enonyaka ngoku ekuluhlu elilinde imiphunga emitsha. “Ixesha lokulinda lithabatha iminyaka emithathu. Ndinokholo olunzulu lokuba, nam ndizakufumana uqhaqho-fakelo lwemiphunga emitsha kulo nyaka.

I’solezwe lesiXhosa, ingakumbi ikhasi lezempilo, lingathanda ukuthi “Ulale ngoxolo Father Kondlo, okomhlaba ukufezile, hamba uye ekhaya, nalapho kungekho ntlungu zamzimba namoya. Sibulela ngokwabelana nathi ngokuqhubeke ebomini bakho.