Lala ngoxolo MaDlomo

Ongasekhoyo uZindziswa Mandela

Emva kokuvakala kwesithonga sokubhubha kwetshantliziyo, ithandazwe kwanembongi uZindziswa Nobutho Mandela-Hlongwane (59), uninzi lukhumbule le nkosikazi ngegalelo layo kumzabalazo weli lizwe, hayi ngokuba ezalwa nguNelson Mandela.

UZindzi ubalekiselwe kwisibhedlele saseGoli ngeCawa, waze wabhubha kusasa ngoMvulo.

Wazalwa ngomhla weshumi elinesithandathu kweyoMnga 1960 eSoweto eGoli. Uyintombi yesibini eza emva koZenani, bezalwa litshantliziyo elingasekhoyo uWinnie Madikizela-Mandela kwakunye nowayesakuba nguMongameli weli wokuqala oNtsundu uNelson Mandela.

UZindzi, ebhubha nje kwiintsuku ezintlanu phambi kosuku lokuzalwa kukayise, bengunozakuzaku kwilizwe laseDenmark.

Abaninzi bamchaza uZindzi njengomntu obenothando, ethanda abantu. Xa efike eQunu apho ingcwaba likayise likhoyo, ubefika ehlekela phezulu eququzela. Uchazwa njengomntu obexabisa inkcubeko, amasiko kwakunye nezithethe.

UZindzi uyidlalile eyakhe indima kweli lizwe esilwa ingcinezelo. Intlungu kukuba bakhule nzima, abazali babo bengena bephuma entolongweni beselula benjalo ngokweminyaka.

Ngo1985, uZindzi yaba nguye owathi wafunda esidlangalaleni ileta eyayisuka kutata wakhe isiya kuPW. Botha eSoweto. Loo leta yayinyevulela iinkqubo zengcinezelo.

Ngasemva ushiya umyeni wakhe kwakunye nabantwana bakhe abane, intombi kwakunye noonyana bakhe abathathu.

Ngoku ebesele ekumaphulo aphuhlisa abantwana abangamantombazana.

Kuqhutywa amalungiselelo okubekwa kwakhe kwikhaya lokugqibela.

Phumla ngoxolo Yem yem!