Lala ngoxolo Nandipha!

Inqununu
yesikolo samabanga aphakamileyo eTholeni, iCunningham Senior Secondary School,
uFundiswa Makhwabe, ufuna kuphandwe nzulu malunga nabanye abafundi ababini
besikolo sakhe abagetyengwayo kwiminyaka emithathu eyadlulayo.

UMakhwabe,
uthi ukusukela ngo2014 uyokuma ngo2016, ngabafundi ababini abagetyengwayo  logama ababini badlwengulwa.

Oku
ukutsho ngexesha kubekwa uNandipha Mtuzula (19) kwikhaya lakhe lokugqibela kwilali
yaseNgobozi, eTholeni, ngoMgqibelo.

UNandipha,
obengumfundi eCunningham SSS, ufunyenwe umzimba wakhe kushiyeke intloko kunye
neengalo, emva kokuba kuphele inyanga yonke ekhangelwa.

Amalungu
womzimba wakhe ashiyekileyo, afumaneke kwihlathi ebekade enqumla kulo xa esiya
esikolweni kwiveki ephelileyo.

Eli
hlathi lingekudanga esikolweni, uMakhwabe ulichaze njengo lulutshaba kubantwana
besikolo sakhe.

Kuba
uthi ngeyeSilimela ngo2014, kwadlwengulwa umfundi ebotshelelwe kulo ze washiywa
apho wazikhulula, emva koko wayokuxela esikolweni, bafaka ityala kodwa zange
lihambele ndawo nangona ixhoba lalimkhombile umrhanelwa.

Kwinyanga
elandelayo kwango2014 njalo, kwadlwengulwa omnye umfundi ebotshelelwe wabulawa.

Kwakhona
ngo2015 ngeyeKhala, kuphinde kwadlwengulwa omnye umfundi, kwavulwa ityala,
akwabanjwa mntu.

Elokugqibela
ixhoba lidlwengulwe kwinyanga uCanzibe ngo2016 ze labulawa, wafunyanwa umzimba
walo emlanjeni kweli hlathi.

La
maxhoba odlwengulo mabini, kuthiwa athi adlwengulwa ngulo mrhanelwa uminyaka
ingama-30 utyholwa ngokubulala uNandipha Mtuzula, node wabanjwa kwiveki
ephelileyo.

“Abantwana
bagetyengwa ngehlobo elifanayo, yiyo lo nto sifuna kuphandwe nezinye iziganeko,”
utshilo uMakhwabe.

Bonke
abafundi abangamaxhoba ngabafundi abebesenza ibanga leshumi kwesi sikolo kuquka
noMtuzula, ekubonakala ukuba umenzi wobubi ubaxhwila xa besiya esikolweni
ngeentsuku ezongezelelweyo zokufunda.

Inkundla
kamantyi eGcuwa ngexesha imisa ityala, ithe ifuna ukwenza uphando
oluphangaleleyo ngomrhanelwa lona uchazwa njengomelusi weegusha ngakweli hlathi
leziganeko.

Umrhanelwa
ujongene namatyala amahlanu, elokuqweqwedisa, ukuxhwila, ukubulala kunye
nokudlwengula izihlandlo ezimbini.

Zonke
ezo zityholo kuthiwa uzenze kuNandipha.

Ityala
lakhe libuyela ngoLwesibini kwinkudla zamatyala eGcuwa.

Abafundi,
ootitshala kunye nabahlali bathi bafuna ubulungisa ngomphefumlo wale ntwazana
yakwaMtuzula ingcwatywe ngaphandle komzimba wayo opheleleyo, kwaye bacela
nokuba kugawulwe eli hlathi ligqiba abantwana besikolo.

Le
ntwazana ishiya ngasemva umntwana wayo ononyaka kunye neenyanga ezintlanu
ngasemva.

Umngcwabo
ubuzinyaswe ngusodolophu womasipala wesithili se-Amathole, uNomfusi Nxawe,
usodolophu uThobeka Bikitsha waseMnquma, kunye namanye amasebe
aseburhulumenteni kuquka nenkonzo yesipolisa.