Lala ngoxolo Wara

INTATHELI, umhleli kwanompapashi, uWandile ‘Wara’ Fana (45), ebeluthanda uluntu oluphila ngokulingana nangobulungisa kangangokuba wade wonzakala ngethuba ekhusela amaPakistani ekuphangweni eCofimvaba, nto leyo eyamshiya enesiva ebusweni emva kokuhlatywa ngoonqevu.

Le yindlela uHeather Nokonwaba Fana ayakuhlala emkhumbula ngayo umyeni wakhe obhubhele kwisibhedlele iLivingstone eBhayi ngenxa yeCovid-19.

UFana, owazalelwa kwaNoGate (kuQamata) eCofimvaba, ebengumseki nomhleli wephephandaba laseCofimvaba iSkawara News, elipapasha isikakhulu ngesiXhosa, futhi ekwahlela nephephandaba elipapashwa ngokomnatha (online) iTakasele.

UNokonwaba uthi ukubhubha kukaFana kubashiye bothuke kakhulu kunzima nokwamkela. “Ebesemtsha enamandla wokudlala indima evakalayo kweli candelo labeendaba. Usebenze nzima kakhulu kwicandelo leendaba. Kunzima ukuyicinga indlela asishiye ngayo nokwamkela.”

UWandile Wara Fana nonkosikazi uHeather Cousins-Fana kwakunye nabantwana babo uNobulali noKhaya UMFANEKISO: FACEBOOK

UNokonwaba uthi eyona nto ebiqhuba uFana ebomini ibibubulungisa kwezentlalo. “Ubulungisa kwezentlalo ibiyeyona nto asoloko etshila ngayo. Lo nto indifikele ngoku sikhetha ibhokisi yakhe yomngcwabo, ndaqonda ukuba ibingengomntu othanda ubunewunewu nobengenothanda ukuchitha imali eninzi kwibhokisi.

“UWara emntwini ebejonga ubuyena hayi izinto anazo ezifana neemoto ezintle. Nokuba ungaqhuba imoto enjani ngobuhle, ubungasokuze utshintshe indlela akujonga ngayo njengomntu. Ebendithanda kakhulu, futhi nam ndakuhlala ndimthanda. Besingabahlobo bokwenene.”

Ebekuthanda kakhulu ukufunda, eyithanda inkcubeko yakhe, utshilo uNokonwaba. “Andiqondi abantu abaninzi ukuba bayayazi ukuba kwiBA (Bachelor of Arts) yakhe wayekhokela ngesiNgesi. Ebeyingqiqi futhi ekholelwa kwizimvo [zikaKarl Marx], elikomanisi ngokwentliziyo kwaye engelogwala ngokwezopolitiko.”

UNokonwaba uthi ngenxa yokuthanda umsebenzi wakhe, uFana ebede abeke ubomi bakhe emngciphekweni.

“Sele esuka kudliswa ngebali awayelibhalile apho wade wayokulala esibhedlele. Ebeyindoda elikroti. Ngenye imini kwivenkile yamaPakistani eCofimvaba yayiphangwa, uWara wavela wabaxelela ukuba ‘yheyi nina makwedini ndiyanazi, ndiza kunixela koomama benu’. Bakhupha imela bamleqa uWara, bamhlaba. Babeza kumbulala kodwa ngenxa yomntakwabo, bamhlaba ebusweni [kwicala lasekunene].”

Wandile Wara Fana UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UVuyisile Bovu, owayesebenzela iSkawara News, uthe: “UWara ndisebenze naye kwiphephandaba lakhe iSkawara News ukusukela ngonyaka ka2011. Ndandingumntu onomdla ekuvakaliseni iindaba kodwa ndingekawuqeqeshelwa lo msebenzi wokubhala, kwathi ngokumane ndisiya kwii-ofisi zabo ndibaxelela ngezinto ezenzekayo, uWara wandinika ithuba lokuba mandibhale ngokwam.”

“Ndafundiswa ukubhala iindaba ekhompyutheni nokuthabatha imifanekiso nguWara lo. Wandiqala phantsi uWara wandiqeqesha wandenza ndayintatheli yeSkawara News. Ndisebenzile naye kuyo yonke imingxili yopapasho ebeyenza efana neTakasele noBuso Bethu.

“Ndigqibele ukuthetha naye ngeCawe (07 kweyeSilimela) apho bendimbalisela ngokungeja (umntu endiza kumtshata) kwam, nalapho waye wandixelela ukuba uyagula, wachaza ukuba uneCovid-19. Ndamthandazisa emva kokuba endixelele. Ndothukile kakhulu ukuva ukuba akasekho.

“Ibiyindoda emadodeni le, eqinisekisa ukuba iCofimvaba neChris Hani [iphela] ziyaphuhla futhi abantu banikwa ithuba lokuvakalisa izimvo zabo,” utshilo uBovu.

ULomelele Fana, ongubhuti kuFana, uthe: “Sakumkhumbula ngothando noburharha kwanomntu obenomqolo. Ebenganyolukelanga nto angenayo uWara, into ayithatha kutata osizalayo. Sakumkhumbula nangokuthanda ukupheka, into awayincanca kumama ke leyo.”

Omnye ubhuti kaFana, uCamagu Fana, yena uthe: “Undithandile, ebendisondeza kuzo zonke izinto zakhe ebezenza. Ebengumama engutata kum. Izinto andenzele zona zingaphaya kokuqonda. Bendikhala kuye xa ndifuna into, hayi ngokwemali kodwa ngamazwi omelezayo.”

UFana uza kufihlelwa KwaNogeyithi ngeCawe (20 kweyeSilimela). Inkonzo yakhe yesikhumbuzo iza kubanjwa namhlanje (Lwesine) ngobuxhakaxhaka bomnatha. UFana ushiya ngasemva unkosikazi wakhe uHeather Nokonwaba Fana nabantwana bakhe uNobulali [Lali] kwakunye noKhaya.