Lanquma inqatha eMnquma, amanzi ayaphela

Amagosa esebe lezamanzi kunye nogutyulo lwelindle ekunye nabafundi baseManga Junior Secondary School, eMchubakazi Umfanekiso: Anele Raziya

Uluntu lwaseMnquma luphantsi koxinizelelelo kwimeko yokusebenzisa amanzi emva kokuba kuphinde kwavakala ezinye iindaba zokuba wehlile umthamo wamanzi kwakhona kwidama iXilinxa.

Ngumyinge wepesenti eziyi1,5 zamanzi ezidizwe lisebe lezamanzi kunye nogutyulo lwelindle eziseleyo eMnquma.

Ngabantu baseGcuwa abayi 130 000 abaxhomekeke kweli dama iXilinxa ukuze basele amanzi.

Kwinyanga ephelileyo kwabhengezwa ukuba eli dama likumyinge wepesenti ezimbini 2% zamanzi aseleyo kulo, kodwa ngoku kuvakala ukuba umthamo wamanzi wehlile kwakhona ngenxa yokunqaba kwemvula.

Isebe libambisene noMasipala wesithili se-Amathole lincame langena isixeko saseGcuwa ngoLwesihlanu ngeliyokufundisa uluntu ngendlela yokulondoloza amanzi kwisikolo samabanga aphantsi iMbanga Junior Secondary School kwilokishi yaseMchubakazi.

Ongusekela-mlawuli kweli sebe, uLungiswa Radebe uthi indawo yaseMnquma ijongene nomceli-mngeni onzima wokuba namanzi amancinci kwidama iXilinxa, nto leyo ingenza uluntu lungaseli kwiintsuku ezibamblwa ezilandelayo ukuba awasetyenziswa ngendlela efanelekileyo amanzi.

URadebe uthi “sibambisene noMasipala wesithili se-Amathole sigqibe kwelokuba sibambe amaphulo wokufundisa uluntu ngeendlela zokonga amanzi”

Uthi kula maphulo wabo bakhuthaza uluntu ukuba luchaze imimbombo evuzayo kwaMasipala okanye batsalele inombolo ethi 08000 200 200; le nobholo ayihlawulelwa mali.

Isebe linikezele ngamatanki alishumi elinesithandathu eMnquma ngeenjongo zokuncedisana noluntu kwinto yokungabikho kwamanzi.

“Amatanki alishumi elinesibini wamanzi siwathumele ukuba ancede abantu baseGcuwa kunye neelokishi ezisondeleyo logama amane siwase kuCentane” uqhube watsho.

Ukwathi bakwinzame zokutsala amanzi ngaphantsi komhlaba ukuze bangasokoli abantu baseMnquma.

Abafundi abayi 575 baseMbanga Junior Secondary School unethemba lokuba bazakwazi ukudlulisa umyalezo wokulondolozwa kwamanzi emakhayeni njengoko iMchubakazi ichaphazeleka nayo kulo mceli-mngeni.

Umfundi uSiyamanga Luke (12) owenza ibakala lesibhoza, uthi ufunde into yokuba xa ugqibokuhlamba, amanzi wagcine, ukuze uwasebenzise kwindlu yangasese.

Ukwathi bazakuxelela abazali babo emakhaya ukuba kuthiwa iitephu mazihlale zivaliwe ngalo lonke ixesha.