Lanquma inqatha eMnquma

Sindile Tantsi

Umbutho wabathengisi-zitalatweni, iButterworth Hawkers Association uthi unethemba lokuba ibutho looKhetshe alizokukhetha phela emasini kwityala likaManejala woMasipala waseMnquma, uSindile Tantsi.

UTantsi ubekwa izityholo zorhwaphilizo, ubuqhetseba kunye nokwehlisa ngomlenze imali.

IButterworth Hawkers Association exhasa uTantsi, ithi wonke ubani obandakanyekayo kwezi zityholo kufuneka abanjwe ayokuphendula ezinkundleni.

Lo mbutho ukuthethe oku emva kokuba ooKhetshe bedize ukuba baphanda unobhala wombutho we-ANC kwingingqi ye-Amathole uTeris Ntutu, nobandakanyekayo kwezi zityholo.

Unobhala walo mbutho uNonkanyiso Voyi, uthe wonke ubani obandakanyekayo kufuneka aziswe kwiinkundla zamatyala azokuphendula, kungakhethwa iphela emasini.

“Sibonile unobhala we-ANC kwingingqi ye-Amathole uNtutu evela kumaphepha ndaba malunga nokubandakanyeka kwakhe, sifuna ukubona kuye ukuba kuza kuthwani” utshilo uVoyi.

Uthi uTantsi bazakuhlala bemxhasa kuba ungumntu ofikelelekayo kwaye basebenzisana kakuhle naye.

Lo kaTantsi ebevele ngaphambi kwenkundla kaMantyi eGcuwa okokuqala namhlanje oko wabanjwa ngoLwesibini kwiveki ephelileyo.

Ukanti kwakulindeleke ukuba avele ngoLwesithathu, kodwa ngenxa yokuba wathi akaphilanga lahlehliselwa uLwesine ityala, apho umtshutshisi waxelela inkundla ukuba uTantsi udluliselwe kwisibhedlele saseMonti, watsho enikezela ngephepha likagqirha elichazayo.

Inkundla yagqiba kwelokuba xa eziva ngcono izakumbiza, ze yanika ibheyile ye-35 000 yeerandi lowo atyholwa naye uSive Nombembe ongusomashishini owaziwayo eGcuwa.

Namhlanje inkundla imnike ibheyile ye-40 yamawaka eerandi emva kokufaka isicelo sayo ngengxelo efungelweyo, apho azibophelele khona ukuba uzakusebenzisana nengalo yomthetho.

Lo kaTantsi ebecele ibheyile yeR35 000, kodwa inkundla yathi ngenxa yobuzaza betyala ajongene nalo ifuna ahlawule imali ethe xhaxhe ukuze asebenzisane neenkundla zamatyala ngalo lonke ixesha.

Kodwa sekunjalo, ubonakale onwabile ngokunikwa kwakhe ibheyile njengoko ebesele echithe iintsuku ezisixhenxe ephantsi kweliso lamapolisa nangona ebengaphilanga.

Imoto eluhlobo lweMercedis Benz ekuvakala ukuba wayithengelwa nguSive Nombembe njengombulelo emva kokufumana ithenda kwamasipala, ithathiwe ngabaphandi betyala njengoko befuna uyisebenzisa njengobungqina xa kuqhuba ityala.

UNombembe noTantsi abanezityholo ezifanayo, ityala labo limiselwe umhla wamashumi amabini anesixhenxe kuMatshi walo nyaka ukuze kwenziwe uphando oluphangaleleyo.