Lathitha: ‘Ndinikela kuThixo ngoku’

EBEYITHANDA icawe yaseZiyoni, exabise iincwadi zakhe futhi engengomntu oyithandayo ingxolo okanye ukuhambahamba esitalatweni.

Uncumo lwakhe belubonakala kakhulu xa ethathwa umfanekiso ngefowuni.

Kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo, mhla usapho lwagqiba kwelokuba iza kuba nguye oza kufunda amagqabantshintshi obomi bukamalume wakhe owayebhubhile, akazange afunde, endaweni yoko wavele wabonga.

Ebhubha nje uLathitha Nako (16), ebesele ekwamkele ukuba unobizo lwengulo emhlophe eyaqandusela emva kwethongo kwiminyaka emithathu edlulileyo.

Ngoku lo mfundi kaGrade 10 waseBhisho High akasekho emhlabeni emva kokuzibulala kulandela ukubukulwa ngabafundi abathathu kwakunye nootitshala ababini ngenxa yesipho sakhe.

Usapho luthi emva kokuba ezityise ityhefu uLathitha, uye wakhala ngokuminxeka ze wasiwa esibhedlele apho abhubhele khona.

Lathitha Nako UMFANEKISO: FACEBOOK

Kushicilelo lukaWhatsApp alenzileyo, uLathitha uxelele umhlobo wakhe ukuba: “Ndidiniwe kukulwa, kudala ndisilwa. Andinawo amandla okulwa nabo, ndinikela kuThixo ngoku.”

NgoMvulo uluntu, abafundi, amaqela ezopolitiko namagqirha bathe babamba uqhankqalazo kumasango esikolo ngelifuna ukufaka uxinzelelo kwabasemagunyeni ukuba kunqunyaniswe ootitshala ababandakanyeka kulo mbandela. Bakwafuna nokuba kugxothwe abafundi abathathu abatyholwa ngokubukula uLathitha.

Bengungelene eBhisho High UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Kwakhona, abafundi baye bayokungxanga naseBhisho Primary emva koshicilelo lukaWhatsApp lukatitshala wesi sikolo othe: “Kutheni enyanzelisa isipho sakhe kubantwana eklasini. Nam ndingamhleka mosi, ndingumntwana wesikolo.”

Abafundi baseBhisho Primary bathi bafuna anqunyanyiswe lo titshala waseBhisho Primary.

Umfundi uLisakhanya Madolo, okwibhunga lolawulo lwabafundi esikolweni, uthi omnye kwabo batyholwa ngokubukula uLathitha ebesandula ukufunyanwa ebukule omnye umfundi apha esikolweni.

“Ityala lakhe salixoxa la mfundi, ze wathi ucela uxolo. Into esaphuma nayo kukuba axolise kwisikolo sonke ngokubukula omnye umfundi, kodwa utitshala (okwabandakanyeka ekubukuleni uLathitha) wathi masimxolele lo mfundi, axolise nje eklasini.”

UMadolo uthi bafuna kulungiswe indlela yolawulo esikolweni ukuze kuhoyakale izikhalazo zabafundi.

Umfundi waseBhisho High uthe: “Ootitshala ababandakanyeka kule nto kaLathitha sifuna bemke esikolweni. Nabafundi abenze le nto kuLathitha mabemke.”

Elinye lamagqirha athe abuthelana eBhisho High ngoMvulo, uGogo Mafelempini Cosa, uthe: “Into ebangele ukuba size apha sisikhalo sikaLathitha. Nokuba uLathitha ebengekathwasi, into esiyaziyo kukuba ishologu liqala esibelekweni sikamama. Siva kabuhlungu kakhulu ngendlela abhubhe ngayo.”

“Asithi abantu mabasamkele ngenkani, kodwa sicela ukuhlonitshwa kuba siyayiphila thina. Isiphiwo sobumhlophe ayilodimoni, sicela abantu bayazi lo nto,” kutsho uGog’ uMafelempini.

Amagqirha phambi kwamasango aseBhisho High UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Ootitshala ababini besi sikolo babekwe kwikhefu elikhethekileyo logama kuqhuba uphando, ze kwenziwa iinkqubo ezikhethekileyo ngakubafundi ababandanyekayo.

Umakhulu kaLathitha, uKholeka Nako, uthe: “ Andiyazi mandithethe ndithini bethuna. ULathitha ndisuka naye ezantsi ebusaneni, engekagqibi nonyaka, ndamkhulisa ehlala nam endlini. Ebengumntwana olungileyo, engakuthandi nokuhambahamba. Itshomi yakhe enkulu ibizincwadi zakhe.”

Umakhulu kaLathitha uKholeka Nako UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

“Akukho mntu obekhe wandixelela ukuba kukho ingxaki ngoLathitha esikolweni. Ukuba ootitshala bebendixelele ngendiyile esikolweni ndiyilungise le nto. Kucacile ebenyamezele intlungu umntwana kwesa sikolo, kuba ebengayithethi apha endlini le nto,” kutsho uKholeka.

Umakazi kaLathitha, uThabile Nako, uthi le nzwakazi ibingumntu othulileyo.

“Ubuthi ukuze umbone ukuba wonwabile, xa kuthathwa imifanekiso lusapho. Ebeyithanda kakhulu icawe, ekhonza eZiyoni. Kutshanje besinomngcwabo kamalume wakhe apha endlini. Ngaloo mngcwabo wayeza kufunda amagqabantshintshi obomi bukamfi (obituary), endaweni yofunda wavele wabonga. Sothuka, simbona engumntu osemoyeni ebonga endaweni yokufunda.

“Kule minyaka mibini idlulileyo sabaliselwa ngumakhulu wakhe (Kholeka) esithi uLathitha uvuke nethongo lomntu onxibe iintsimbi,” utshilo uThabile.

USihlalo weKomiti yasePalamente eKapa ejongene nezeMfundo, ubuGcisa neNkcubeko, uElleck Nchabeleng, umemelele amanyathelo aqatha ngakootitshala ababandanyekayo. “Iyaxhalabisa eyokuba ootitshala banyhashe ubizo lukaLathitha ngenxa yokuba lungahambelani neenkolo zabo. Esikolweni ootitshala mabadlale indima yokuba ngabazali. Akwanelanga ukusibiza ubukulo esi sehlo, kuba kukuxhatshazwa, ukucalulwa nokubekwa amabala,” kutsho uNchabeleng.

USekela Mphathiswa kwiOfisi kaMongameli ojongene noKhuseleko lweSizwe, uZizi Kodwa, uthe watyelela eli khaya ngoLwesibini. UKodwa uthi uphando lwesi sehlo luphume nezithintelo zezehlo ezifana noku.

Intloko yesebe lezemfundo ephondweni, uNaledi Mbude, uthi uphando luza kuqosheliswa emva kweentsuku ezisixhenxe.

ULathitha uza kungcwatywa ngeCawe.