Le nkampani ayisihoyanga

Sibaninzi singoonogada balapha eBhayi siphangelela ikhampani engu-Enlightened Security Force. Le nkampani ilapha ezitishini kwaMetro Rail Prasa yaqala ngo-2011 oko yayisihlukumeza. Siphangela i21 days.

Kodwa ngomhla wokurhola ufumane iR2400. Sicela uncedo, xa usithi uzokubabamba bakuthembisa ngokugxotha. Le khampani ayina-ofisi isebenzela kwalapha kwaPrasa apha esitishini. Sincedeni mawethu kudala sihamba bayazithenga icase zethu. Kufana naxa bedliwa ngezinto zokusebenza bazitsala kwakule mali basirobha kuyo. Asinayo ne-yunifom, ukuba uthe wabanentlahla wayifumana kutsalwa iR100 iminyaka emibini. Sincedeni mawethu ayinyuki imali qha iya isehla apha kuthi!

THUMELA EYAKHO ILETA, SIYIPAPASHE.

THUMELA NGE-SMS okanye ngoWHATSAPP ku 063 743 9538