Ezibuhlungu zehl’ emntwini, Bundithwaxil’ ubomi ngandlela zonke, Ndasala ndingumph’ ochutywe walahlwa,
Andinabani wokulilela, ndiyinkom’ edla yodwa,
Ndiswele igxalaba endingaphalaza kulo imbilini yam, Ngeliphandle ndililolo,
Ityotyombe lam ibilizulu kum, Kunzim’ isikhova sixhol’ itha,
Intshaba zam ziyoxuthil’ indlu yam,
Zazigwagwisa ngayo zingaqondang’ uba zindikhulul’ emakhamandeleni,
Intsokolo yam ziyenz’into yokudlala,
Ziyandihleka zindenz’ intlekisa, Ziqinisekile uba kuphelile ngam ,
Kanti zivul’ ingcango zobom’obutsha.
Bayoxuth’intsokolo bengaqondi, Bendibathemba kwaye ndibathanda,
Kanti ndizigwaze ngowam’ umkhonto,
Ndandisazi uba ngeny’ imini iintshaba zam zizakuba sisitulo senyawo zam,
Noxa ndifumana ukugxekwa nokugxijwa,
Andizigwagwisi nganto, ndingaqhayisi nganto kananjalo,
Ndiqhayisa nje ngoThixo endimthandazayo, Ndandisity’ inqoba, iphe ndiyidibanise nebona, Ndiphil’ amabona-ndenzile ,
Isisu sam sihlabel’ uNoyana,
liphendul’ithumbu lithi “Amen” Ithemba lempilw’ engcono xa ungenaphahla lingangentso yembovane, Bandiphuca ikhaya labantwana bam ,
Ubomi ngumzamo.
Zandikhuph’ intshab’ entsokolweni ngobuyatha nobutyhakala,
Zandikhuph’ intshaba kwinkxwaleko ngenkohlakalo nobudenge,
Ndizamkela kweloxhobongwana lam, Kanti ndizenza ixhoba lokuxhatshazwa ngabaxhwarhi , Kunokuba kufe ilitye nebhokodwe ndakhetha ukunikezela,
UThixo wayekhona nangelo xesha, Iintshaba zindipheka zindophula phofu zihleka nam,
USathana ephithizela phakathi kwethu, Kodwa uMhlawuleli wam wathi “wena uyintombi yam okunene, ndiyakukuhlangula nakweyiphi ingxingongo” Ndathi “thetha nam Bawo ngezwi lakho”,
Nakule ingxokolo ndoyame ngawe.
Isikhova sidla ngeso laso, esimehlw’ankungu sifa yindlala, Ndikhulile ngomzimba,
ndakhula nangengqondo,
Ndingesiso nje isanya-mtya ubom’ obutsha bundilindile,
Ityotyombe lam elalisakuba likhaya kum loxuthwa!
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile