IPHUPHA lokufundela ulwazi kwezobuchwepheshe kuWonke Nono ongumfundi wesikolo samabanga aphezulu iNgwayibanjwa eMthatha liza kubalula emva kokuba isikolo sakhe sixhamle kwinyhweba yokwakhelwa igumbi leekhompyutha.
Isikolo iNgwayibanjwa kwilali yakuDosi eMthatha siphakathi kwezinye zezikolo zaseMpuma Koloni ezithe zaxhamla kwisipho esivela kwaMTN SA Foundation ibambisene neziko leenkonzo zoluntu (Centre for Public Service and Innovation). Esi sipho, semali ekwisiqingatha sesigidi seerandi, siquka igumbi leekhompyutha ezinoqhakamshelwano lwe-intanethi, i-alam yokuzikhusela, kwanokuqeqeshwa kootitshala ukuze bakwazi ukuzisebenzisa.
UNono, ofunda uGrade 12, uthi sifike ngexesha elihle esi sipho kuba kunyaka ozayo ufuna ukuya kufundela ulwazi kwezobuchwepheshe (Information Technology) eKing Sabata Dalindyebo TVET College.
“Ndiza kuzuza kakhulu kwezikhompyutha kuba ndingumntu ofuna ulwazi nanjengoko ndifuna ukufundela i-IT kunyaka ozayo. Ndiza kuthi ndisiya ekholejini, ndibe ndinolwazi. Ukuba besingekho esi sipho, bendizakufumana ubunzima ekholejini,” kutsho uNono.
Omnye umfundi kaGrade 12 uBaxolele Mgidlana, uthi ukunikwa esi sipho kuza kwenza kube lula ukwenza umsebenzi wesikolo. “Izinto ezininzi kule mihla ziba nolwazi lwekhompyutha. Ngaphandle kolwazi lwekhompyutha, kunzima ukuba yinxalenye nobomi belizwe,” kutsho uMgidlana.
Inqununu yaseNgwayibanjwa uBantubathi Retyu, uthembise ngokwenza konke okusemandleni ukukhusela ezikhompyutha koonqevu.
Umanejala ophezulu kwaMTN SA Foundation uAngie Maloka, uthi izikolo ezixhamlayo zezo ziqhuba kakuhle kwiimviwo. “Enye yezinto esizijongayo kukuba isikolo kufuneka singabikho ngaphantsi ko-60% kwiimviwo kuba kaloku kufuneka sibone ukuba kuyasetyenzwa esikolweni,” utshilo uMaloka.
Uthi iinjongo zabo kukuba abafundi bathi bephumelela uGrade 12 babe benezakhono zekhompyutha. Esinye isikolo esixhamlileyo yiSt Johns College eMthatha.
UMphathiswa wezemfundo ephondweni uMandla Makupula, uthi oku kuza kuncedisa ukwenza umsebenzi ubelula kootitshala nakubafundi.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV