Libala leR3 million eli?

Inkampani eyayinikwe uxanduva lokuphucula eli bala laseGlenmore eNgqushwa ithi iwugqibile umsebenzi eyayiwunikiwe oxabisa izigidi ezithathu zeerandi (R3 million) UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

ULUNTU lwelali iGlenmore eNgqushwa lwalucinga ukuba iya kuphuhla ilali yalo ngethuba umasipala waseNgqushwa ethabatha isigqibo sokuphucula ibala lezemidlalo kule lali, kodwa endaweni yokufumana ibala elikumgangatho wezigidi, umasipala wakhe ibala elinetshungu nenkunzana.

Ngaphambi kokulungiswa kweli bala kweyoMqungu ngo2016, abahlali baseGlenmore babebamba itumente rhoqo ngePasika kugcwala kuthi qhu ebaleni. Kodwa ngoku iphelile lo nto, kuba umasipala umoshe ibala endaweni yokulilungisa.

Zizigidi ezithathu ezichithwe ngumasipala waseNgqushwa elungisa eli bala, kumsebenzi owawunikwe inkampani kanondyebo weANC eAmathole uOnke Mgunculu, ebizwa njengeMgunculu Trading.

Ngokwemigqaliselo yomsebenzi wokuphuculwa kweli bala, le nkampani kwakufanele yenze ezi zinto zilandelayo: Isango elitsha, izindlu zangasese zamadoda namakhosikazi, izindlu zokutshintsha zabadlali, ibala elitsha lebhola yomnyazi, ibala elitsha leBasket Ball, izitulo zokubukela, ibala leembaleki, ukufakela ingca yala maxesha, ukufakela izixhobo zokunkcenkceshela kwanokufakela imijelo yamanzi.

Kodwa utyelelo lwephephandaba I’solezwe kule lali, lubonisa mfanekiso wumbi. Kutyelelo lwethu, sigangwe libala elingenamfaneleko wazigidi ezithathu.

Indlela eya khona kunzima ukuyihamba, futhi ngaphakathi ebaleni kugcwele ameva nenkunzana (isityalo esihlaba kunene). Okubonakalayo kweli bala kukukhula kwehlathi endaweni yesiza sezemidlalo.

Umhlali waseGlenmore uMzameli Gola, ongumnini weqela lebhola ekhatywayo iMsasko Boys uthe: “Besidlala kweli bala phambi kokuba kufike le nkqubo yokulungiswa ngurhulumente. Besineetumente esizibamba rhoqo ngePasika.”

UGola uthi wabethelwa usaqalwa umsebenzi wokwakhiwa kweli bala.

“Into endayiqaphelayo kukubona ukuba eli bala linamacala angalinganiyo. Sayokukhalaza, bathi baza kuyilungisa lo nto kodwa abazange bayenze. Ingca le intle ifakwa kumabala asemgangathweni, bayikha kwidama elikufutshane apha elalini beyixube noqaqaqa. Saqonda nje ukuba yidemeshe yodwa le.

“Ukuze ubone ukuba aba bantu bamoshe ibala lethu, asikwazi ukudlala kulo ngoku kuba linameva,” utshilo uGola.

Yena uNontsikelelo Magobhiyane, umdlali webhola yomnyazi, okwangumnini wamaqela amabini omnyazi eGlenmore – iBarcelona neCity Friends, uthe: “Ngela xesha kwakenziwa ela bala, sasicinga ukuba kwenziwa ibala lomnyazi elisemgangathweni, eliza kubangela ukuba xa uwile, ungagruzuki.”

“Sathi xa sifumanisa ukuba ligqityiwe ibala, sabona ukuba ngumngcipheko ela bala alikhuselekanga. Kwenziwa uphelasonwabe. Siyawuthanda umnyazi kule ndawo. Besifudula sidlala iitumente zomnyazi rhoqo ngePasika kweli bala, kodwa ngoku ayenzeki lo nto kuba limoshwe ngumasipala ibala lethu.

“Ngoku ukuze sithabathe inxaxheba kwiitumente kufuneka sisebenzise amanye amabala,” kutsho uMagobhiyane.

Umbutho ongenanto yakwenza norhulumente iAfesis-corplan ezinze eMonti, uthathele kuwo uxanduva lokuba likhonkco labahlali baseGlenmore abafuna iimpendulo ngeli bala.

ULindokuhle Vellem, oligosa lakwaAfesis-corplan kwicandelo lokuhlolwa kwendlela azisa ngayo iinkonzo eluntwini urhulumente, uthi kuselungelweni lwabahlali baseGlenmore ukufumana iimpendulo ngomgangatho ongancumisiyo weli bala.

AbakwaAfesis-corplan baye bakhweba inkampani yeengcaphephe zabazobi ebizwa Ubuchule Design Studio.

UMomelezi Vellem wale nkampani uthe: “Ibala bekufanele ukuba libonakala linenkangeleko entsha. Imali echithwe kumsebenzi wokuphuculwa kweli bala ikwiR2.8 million kodwa ngokokubona kwethu, imali echithiwe kowona msebenzi owenziwe phaya yiR1.6 million.”

Kwibango lokuba ibala lebhola yomnyazi lixabise iR 117 400, uVellem uthi bafumanise ukuba kusetyenziswe iR12 190. Kwibango lokuba ibala leBasket Ball lixabise iR85 690, uVellem uthi bafumanise ukuba kusetyenziswe iR 9 400.

Ukanti kwibango lokuba kuchithwe iR270 800 kwibala lebhola ekhatywayo nombhoxo, uVellem uthi bafumanise ukuba kusetyenziswe iR87 000.

Ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kule nyanga, abakwaAfesis-corplan bazakube bebambe indibano eGlenmore ukugqala umhlahla-ndlela kule nyewe. Kule ndibano kumenywe umasipala waseNgqushwa, uMphicothi-Zincwadi Jikelele kwanesebe lezemidlalo.

Iinzame zokufumana ilizwi kuMgunculu ziphanzile ngethuba lokubhala eli nqaku.

UMasipala waseNgqushwa ubungekaphenduli kwimibuzo yeli phephandaba ngethuba sisiya kupapasho.

Umanejala wezonxibelelwano kuMasipala waseNgqushwa uNcumisa Cakwe ebethembise ngokubuyela neempendulo kweli phephandaba, noxa nje side saya kwixesha lopapasho kungekenzeki oko.