Libanjiwe igqirha eliloba abantu ngoTiktok!

LINGAPHAKATHI eziseleni eLibode kuba lilinde umhla wamashumi amathathu (30) kwinyanga ezayo igqirha elabulala ababini abatshatileyo kwakunye negosa eliphezulu lasesipoliseni.

Eli gqirha, linguThandazani “Zanezulu” Mcetywa (27), lijongene namatyala amathathu okubulala, liye layalelwa ibheyile ngoLwesithathu kule veki ngethuba livela kwiNkundla yamaTyala eLibode.

Ingxelo ithi labanjwa ngoTshazimpuzi walo nyaka ngethuba kubhaqwa imizimba yababini abatshatileyo baseLady Frere kwakunye nomzimba kaColonel Bongiwe Fikela emotweni yalo emva kokuba babeyele “ukuhlolwa” leli gqirha bebona nakuTiktok “imisebenzi emihle” lithi liyayenza eli gqirha.

Ingxelo ephuma kwisithethi seNPA, uLuxolo Tyali ithi uZanemvula ebeye asebenzise uTiktok apho ebezithengisa ngokwamandla akhe obugqirha ngelithi ubenza abantu babenobutyebi obukhawulezileyo kanti ziinzame zokuloba amaxhoba.

“Otyholwa neli gqirha uAnathi Doris Njikazi nongumtshana kaColonel Fikela, naye useziseleni kwaye ibheyile uyalelwe naye. UNjikazi ujongene nezityholo zokuncedisana neli gqirha ekubeni kubulawe umakazi wakhe kuba ebefuna ukuxhamla kwiimali zepenshini nanjengoko kulindelekile ukuba xa ukweli sebe ixesha elide ufumana iimali ezitshisiweyo,” utshilo uTyali.

UZanemvula ukwafunyenwe ekwanelinye ityala lokubanompu kuye.

INkundla eli tyala ilithathe njengalawo abalulekileyo.

Esi sibini singaphakathi eziseleni sakubuyela kwakhona ngomhla wama30 kweyoMnga enkundleni.