Libanjiwe ipolisa elibulele umkhwekazi

LIVALELWE kwesimnyama isisele ipolisa elidubule labulala umkhwenyane walo lenzakalisa namalungu amathandathu wosapho aquka nenkosikazi yalo eAtlantis ekuqaleni kwale veki.

UConstable Bonani Nkonzo (32) ozinze kwisikhululo saseTable View, wangena ebukhweni kuhleliwe intlanganiso kwisitalato saseHector Peterson wathulula irhuluwa.

Kwasweleka umkhwekazi wakhe kweso siganeko ngelixa inkosikazi yakhe ikwelo qela labalekiselwa kwizibhedlele ezikufutshane. Wathi wakugqiba wabaleka nonyana wakhe. Emva koko aleqisa amapolisa emkhangela.

Amapolisa abizwe kwindawo yobundlobongela aze afumana umzimba webhinqa usendlini.

Waye wazinikezela kwisikhululo saseAtlantis ngobusuku bangoLwesibini.

Ngokwengxelo, uNkonzo zange wonwaba emphefumlweni susela oko wohlukana nenkosikazi yakhe. Kuthiwa wade waya kucela uncedo emsebenzini ukuze akwazi ukumelana nale meko.

“Unkosikazi wakhe ebenephepha lokumnqanda ukuba angasondeli kuye (protection order). Lo nto yakhokela ukuba makakhutshwe endlwini yabo. Ebejongene nobunzima lo mfo,” litshilo ipolisa.

Abaziboneleyo ngamehlo bathi eli polisa liqhube imoto laya apho inkosikazi yalo ibihleli intlanganiso namalungu wosapho lwayo. Bathi uthe esakufika kwaqala iingxoxo kwaqhuma irhuluwa emva koko.

“Uthathe unyana wakhe wabaleka emva koko,” utshilo ummelwane ongafunanga ukuchazwa.

Isithethi seIndependent Police Investigative Directorate (Ipid), uMoses Dlamini uthe: “Libulele umntu laze lonzakalisa abanye abathandathu.”

UDlamini uthe ngoku kuphandwa ukuba kwakutheni ukuze abe uNkonzo usagciniswe umpu emva kokuba wayebanjelwe ubundlobongela basendlini kule veki iphelileyo. Uthe unyana kaNkonzo ubuyiselwe kulomama wakhe.

“Useluvalelweni uConstable oneminyaka engama32 emva kokubulala umkhwekazi wakhe wonzakalisa nabantu abathandathu eWitsands eAtlantis,” utshilo.

“Kutyholwa ukuba umrhanelwa (uNkonzo) wangena endlwini kwisitalato saseHector Petersen, nalapho wafika kuhleli abantu abaninzi wabuza ukuba iphi inkosikazi yakhe kwaye ngoobani abo bantu babelapho. Eli polisa larhola umpu lathulula irhuluwa amatyeli amaninzi ejongise kwabo bantu waze wabulala umntu konzakala abathandathu abaquka nomntwana oneminyaka esibhozo,” utshilo uDlamini.

Uthe amaxhoba angamabhinqa amabini akwimeko embi kakhulu kwisibhedlele saseGroote Schuur, kanti yena umntwana wadluliselwa kwisibhedlele sabantwana iRed Cross.

“Uzinikezele emapoliseni kwisikhululo saseAtlantis umrhanelwa. Uza kuvela kwiNkundla kaMantyi waseAtlantis namhlanje (Lwesine) nalapho aza kujongana netyala lokubulala.”

“Oogxa bakhe bathe ebebanjelwe ubundlobongela basekhaya uNkonzo kule veki iphelileyo, babuza ukuba kutheni le nto esagcine umpu. Usapho lwakhe nabahlobo badize ukuba ebesohlukana nonkosikazi wakhe. Bathe inkosikazi yakhe ibineempepha ezimthintelayo ukuba asondele kuyo kwaye ebekhutshiwe nasendlwini yabo, waze waya kucela uncedo emsebenzini,” utshilo uDlamini.

Isithethi samapolisa uAndre Traut uthi iyabhida into yokuba kude kwenzeke isiganeko esibuhlungu ngolu hlobo kodwa zikhona iindawo zoncedo esipoliseni.

“Kukho oonontlalontle, oogqirha bengqondo nabathandazeli ababekelwe iimeko ezinje kwizikhululo zamapolisa. Imedical aid yamapolisa, POLMED, iyazibandakanya izinto ezifana nokuthuthuzelwa emphefumlweni nokolulwa amalungu omzimba. Le nkonzo ikhona ubusuku nemini,” utshilo.