Libanjiwe ixhego elathengisa iinkomo zalo laxoka emapoliseni lathi zibiwe

Ixhego elineminyaka engamashumi asibhozo anesithathu (83) lengingqi yaseXopozo, elavula ityala emapoliseni lisithi imfuyo yalo yebiwa phakathi kweyeNkanga ukuya ekuqaleni kweyoMnga ngo2023 libanjwe ngamapolisa ajongene nokubiwa kwemfuyo kwisithili saseOR Tambo, eMpuma Koloni.

Isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo uthi eli xhego laxelela amapolisa ukuba iinkomo zalo ezintathu zibiwe zisitya ingca emasimini.

Ityala lokubiwa kwemfuyo laphandwa ngamapolisa ajongene nokubiwa kwemfuyo, iFlagstaff Stock Theft Unit, kuthe xa besenza uphando kwafumaniseka ukuba ixhego lazithengisa iinkomo. Ezimbini kwezi nkomo zikwazile ukufunyanwa logama eyesithathu ibisele ixheliwe. Zizonke ixabiso lezi nkomo yiR30 000.

“Kwavulwa ityala lokuxoka, le ndoda yabekw’ ityala yaxelelwa ukuba ivele kwinkundla kamantyi eFlagstaff ngoMvulo umhla wesibhozo kweyoMqungu ka2024,” utshilo uMatyolo.

Kwelinye ityala, amadoda amabini aneminyaka engamashumi amabini anesine (24) ubudala kwingingqi yaseMncetyana, agwetywe kwinkundla kamantyi yakuTsolo ngomhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyoMnga ngo2023 ngobusela bemfuyo emva kokuba iinkomo ezimbini ezixabisa iR20 000.

“UVuyo Sambane noMnonisi Mcubhe babanjwa ngamapolisa ngomhla wamashumi amabini (20) kweyoMnga ka2023 emva kokuba amapolisa efumene ulwazi lokuba la madoda ayelayisha iinkomo ezimbini ekurhaneleka ukuba zibiwe kwaye bezisa kwindawo engaziwayo.

“La madoda abanjwe ngamapolisa ajongene nokubiwa kwemfuyo kuTsolo. Bagwetywe iinyanga ezilishumi elinanye (11) entolongweni kunye nokhetho lokuhlawula isohlwayo seR20 000 umntu ngamnye,” utshilo uMatyolo.

Ngomhla wokuqala kweyoMqungu ka2024, ngethuba lephulo elaliqhutywa liqela lakuTsolo elijongene nokubiwa kwemfuyo, iinkomo ezintathu zathinjwa emva kokufunyanwa zizulazula kungekho malusi eNtshiqo. Ezi nkomo zasiwa kwicandelo likamasipala wakuTsolo elijongene nemfuyo.

Ezi nkomo ziqikelelwa kwiR30 000. Amapolisa afuna umnikazi wazo kwaye acela nabani na ophulukene nemfuyo ukuba aqhagamshelane neli candelo likamasipala ngexesha lomsebenzi okanye aqhagamshelane neqela lamapolisa akuTsolo elijongene nokubiwa kwemfuyo. Ngeenjongo zokufanisa imfuyo, umntu kufuneka abe nesazisi sakhe saseMzantsi Afrika esinebhakhowudi kunye noxwebhu lwemfuyo okanye amaxwebhu.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo uMajor General Phumzile Cetyana uthi ukubiwa kwemfuyo kungumngeni omkhulu kwesi sithili nanjengoko le ndawo iyindawo esemaphandleni kwaye iinkomo zishiyeke zizulazula, zingajongwanga.

“Sibongoza abanini bemfuyo ukuba basebenzisane namapolisa ukuze sibambisane siyoyise le mingeni. Ukuzinikela okubonakaliswe ngamapolisa ajongene nokubiwa kwemfuyo kufaneleke ukunconywa.

“Siyabalumkisa abantu ukuba ukuvula amatyala obuxoki lityala elibi njengoko oku kuchaphazela izixhobo zamapolisa ebezinokusetyenziswa kwezinye iziganeko zamapolisa. Kukho iziphumo ezibi kwabo bavula amatyala obuxoki,” utshilo uMajor General Cetyana.