Libekwa kwikhaya lokugqibela igqala lewayilese

Igqala elalifunda iindaba kwiRadio Transkei, uGibson Mbombo, (68), nobhubhe kwiveki ephelileyo kwikhaya lakhe, usapho lwakhe luthi lakumkhumbula ngemfundiso, uthando kanti nangokufaka uswazi kulowo uphambukayo endleleni kubantwana bakhe.

UMbombo, oyinzalelwane yakoMkhulu eNqadu, kuGatyane, uqale ukufunda iindaba zesiXhosa kwiRadio Transkei ngo1982, ze wazibeka phantsi iintambo ngo1997 ngethuba esi sikhululo sidityaniswa neRadio Xhosa kusenziwa isikhululo esaziwayo Umhlobo Wenene FM.

UMbombo wayengumntu wokuqala ukulandela isakhono sobusasazi kula mmandla ngamaxesha amandulo.

Othethela usapho, uMncedi Mbombo, nongomnye woonyana bakaGibson nokwayintatheli naye, uthi walandela kwikhondo likatata wakhe kuba wayemmamela xa esewayilesini.

“Ndandivuya kakhulu ukumamela utata wam efunda iindaba. Kwakude kuthi xa esekhaya ndimbuze imibuzo ngezo ndaba ebezifunda. Lo nto ke yaye yabangela ukuba ndiye ndikhula umdla kubuNtatheli,” utshilo uMncedi.

UMncedi uthi ezinye zezinto utata wakhe awayezibabaza yimbeko nentlonipho. Uthi wayenganiki bona endlini kuphela ezi mfundiso, wayezinika nabantwana belali kuba esithi ufuna bonke babe zizinto ezindaweni bafane naye.

UMbombo uza kube esenzelwa inkonzo yakhe yokugqibela kulo Mgqibelo umhla wama25 kokwabo eNqadu kuGatyane.

UMbombo walizwa ngabantwana abahlanu, uMncedi, uAbongile, uSiphosethu, uBusiswa kwakunye noNosibulele. Eshiya abazukulwana abahlanu.

UMbombo usebenze namagqala afana noSiphiwo Magoda, Thobile Madlakane, Sanuse Nqoloba kwakunye nabanye.

UGibson Mbombo ongasekhoyo UMFANEKISO: UTHUNYELWE