LISAGCUMA ziintlungu ilungu leUDM uThami Mqolo emva kokuhlaselwa kumbhodamo ovele kwintlanganiso yalo mbutho obukwiholo yeYunivesithi iWalter Sisulu eGcuwa.
Lo mbutho ububambe intlanganiso yonyulo lwamalungu azakuba ngooceba kwiiwadi zomasipala uMnquma, kodwa yayekwa phakathi ngenxa yeengxabano phakathi kwamalungu.
Amalungu alo mbutho ebezimase le ntlanganiso alile ukuphefumla ngelithi akafuni kuchatshazelwa ligazi.
UMqolo othe wahlaselwa kule ntlanganiso uvumile nje ukuba ngokwenene wenzakele, kodwa walile naye ukuphefumla ngezizathu ezikhokelele kolo hlaselo.
Uthe, “Yinto yangaphakathi embuthweni, ngumbutho ozakunika ingxelo.”
Inkokeli yeUDM uNjengele Bantu Holomisa uthe, “Ngokokuyiva kwam baxabene ngoluhlu lamagama azakuba ngooceba, siyaxolisa siyiUDM kubemi baseMnquma ngokuthe kwenzeka. Ndiyayikhalimela kakhulu lo nto kuba ayiyondlela yokuziphatha kwamalungu eUDM.”
UHolomisa uthe, uphando lokufumana esona sizekabani lisaqhuba. “Sizakuthatha amanyathelo angqingwa ngakwabo sifumanise ukuba bangunobangela.”
Ukwathe, lo mbutho uzakusombulula iingxaki zamalungu akuluhlu looceba kwisikolo iKhanyisa ngomhla wokuqala kaMeyi.
UHolomisa ukwathe, intswelangqesho nendlala yenye yezinto ezibangela ukuba amalungu alwe ngezikhundla,
“Siqhele ukuyibona le nto kweminye imibutho, amalungu ade abulalane, okanye azigqatse njengamalungu azimeleyo, sizakuwusiphula neengcambu kwaUDM lo mkhuba,” ulebele ngelitshoyo uHolomisa.
johnnie.isaac@inl.co.za
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo