LIBHANGISIWE INXEBA KWIINDAWO ZEMIBONISO-BHANYABHANYA ZIKAWONKE-WONKE

Wanxakama de wangxwelerheka umzi kaXhosa ngenxa
yeNxeba. Abanye bebesanxanxatheka baxel’ amanxanxadi kuba basanxanelwe kanye
eli Nxeba. Oku bekumonwabisa uTrengove (2018) umlawuli weli Nxeba, exhelelw’
exhukwane kwaye exhathise, ngelithi maXhosa lalani ngenxeba kuba iNxeba aliyi
ndawo, “…
it will exist everywhere for
whoever want to see it
.” Ndijongile nje ingathi uyawabulela amaXhosa
ngokunxakama kuba uthi “…
they have sent
more people to the cinemas more than [they] could have ever managed
…” Abakwa-South Africa Film and Publication Board
(
FPB) bathi lo mboniso uya kuboniswa
kwiindawo ezilungiselelwe abaneminyaka eli-18 ukuya phezulu kuphela.

 Unxunguphalo

Yintoni kanye le idale unxunguphalo de
libhangiswe eli Nxeba? UTrengove (2017) akagungqi kwelithi akukho mfihlo athe
wayibhentsisa kulo mboniso. Ude athi incwadi engobomi bukaMandela (1994) (Indlela
Ende Eya Enkululekweni) yadiza iimfihlo ngaphezu kokuba lo mboniso wenzile.
Ngokokwam ukubona, ngenene akukho mfihlelo yasentabeni ithiwe pa-ha-ha kulo
mboniso. Yintoni ke ingxaki xa kunjalo? Ewe ikho imixholo engenelelayo kodwa
owona mxholo uphambili kukuthandana kwamadoda (abantu abanesini esifanayo).
Nantsi ke ingxaki, loo madoda ngamakhankatha. Ewe kambe le nto iluthando
ayibhungisi, ifika nakubani na, naphi na. 
Phambi kokuba ndihlabele mgama ndikucuntsulele ibathwana kwizinto
ezidala unxunguphalo, mandikukhumbuze ngendima nangendlela yokuziphatha
kwekhankatha.

 Ikhankatha

Ikhankatha ibisakuba ngumntu onamava ngobomi,
kwaye onamava athe vetshe ngobudoda. Mandikucaphulele kumazwi enkosi ‘Aa!
Zilimbola!’ uBurns-Ncamashe (1961: 24)
xa esithi ‘[u]kuzila yinto yalo…” Yintoni le
izilwayo likhankatha? Ziinkanuko zenyama, oko kukuthi naphantsi kwayiphi na
imeko ikhankatha alizibandakanyi kwimiba edibene nezesondo. Uthi uqala nje lo
mboniso uve elinye lamakhankatha lisithi kwakunyanzeleka lifumane ibhinqa
elinokwabelana nalo ngesondo (“…The way
things are going I’ll need a warm vagina
…”). Oku akusengeli phantsi isidima
sabasetyhini kuphela koko kukwabonisa isiko lakwaXhosa ngendlela
engamkelekanga. UBurns-Ncamashe (Ibid.)
uhambisa athi ikhankatha lilunga “…lakucoceka ngaphandle
nangaphakathi…[l]ikuthand’ ukuzihlamba izandla kwanentliziyo.” Usaqala njalo lo
mboniso, nalo ikhankatha elinguVija lisabelana ngesondo nelinye ikhankatha
elinguXolani kanye apha entabeni. Lo Vija unomfazi, unabantwana bathathu, kodwa
nanko ebhaqwa ngumkhwetha entswayiza nenye indoda. Uthini ke ukunganxakami umzi
kaXhosa? Ixesha lasentabeni lixesha lokuzila, nokuba uyindoda ethandana
nabasetyhini okanye ethandana namanye amadoda kunyanzelekile ukuba uzile,
uzikhwebule kwimiba engesondo. Ngaloo mazwi ndizama ukugxininisa ukuba
isimbonono esi besiya kubakho nokuba lo mboniso ubuveze ikhankatha
lizibandakanya ngezesondo kunye nowasetyhini.

Ikhankatha ngumntu okhokela afundise ngezenzo
hayi ngomlomo kuphela. Eli khankatha linguVija linxanwa elisoloko lizintyintya
ngotywala besilungu. Kwakhona, lisoloko lixhome amakhwapha lilindele ukulwa.
Nayiphi na ingxaki evelayo liyisombulula ngomnqayi. Yimfundiso enjani leyo
kubakhwetha?

Okokugqibela, uBurns-Ncamashe (Ibid) uthi ubuxoki nobusela, ubugqwirha
nobunyoka zizinto ekufuneka ikhankatha lizikhalimele kubakhwetha. Nalo
ikhankatha elinguVija lisenza ubusela kanye phambi kwabakhwetha, liba ibhokhwe
liyinike kwa-abakhwetha aba ukuba bayixhele ngokwabo. Mfundiso ni leyo? Uya
kuqaphela ukuba kulo mboniso kwaphulwa phantse yonke nje imithetho yasentabeni.
Ingozi kukuba ngoku amaXhosa aziintlekisa ezizweni kuba zicinga ukuba yeyona
ndlela liqhutywa ngayo eli siko lakwaXhosa.

Bukhona
ubunyani kulo mboniso?

Ingaba ngenene akho amaXhosa aqhuba ngale
ndlela? UTouré (2018) odlala umlinganiswa onguXolani uphefumla enjenje, “…this is the story that always needed to be
told …I know it personally…I read the script and saw things that had happened
to me.
” Ubunyani bale ntetho ndibubona bungabalulekanga kuyaphi kwaye
ndiziva ndingenalo ilungelo lokuphikisa. Kutheni ndisitsho nje? Kudala sizibona
izinto ezingamkelekanga kweli siko lakwaXhosa. Umzekelo, kukho abakhwetha
abavela kumakhasi onxibelelwano bekhwele ezimotweni, bezifota ngeefowuni
eziphathwayo. Bambi bavela befote becuthe imilomo namaxhegwazana abelungukazi.
Zizinto ezingamkelekanga ezo entabeni. Abanye bebesezindabeni ngenxa
yokubolekisa ngebhuma labo kwizithandani ezithile kuba befuna utywala. Linyala
ke elo njengokuba sele sivile ukuba imiba engesondo ayivumelekanga entabeni.

 Singavuna
ntoni kweli Nxeba?

Masikhumbule ukuba ayiqali ukwenzeka into
ekumila kunje. Sakunxanxatheka de sinxaphe sixhanyazeliswa yimiboniso efana
neli Nxeba. Elam lithi, ukususela ngoku, singamaXhosa kuyanyanzeleka ukuba sibe
mxhelomnye, sibambisane ukubuyisela isidima nondiliseko kwisiko lethu lolwaluko.
Ngokusebenzisana neenkosi neekumkani, masithabathe amanyathelo xa kukho abantu
abathi basengele phantsi eli siko. Umzekelo, imikhuba ekhankanywe ngasentla
emalunga nabakhwetha abazenza oosaziwayo kumakhasi onxibelelwano bekufanele
ukuba iyakhalinyelwa kwaye amakhankatha abe nako ukuphendula kwimikhuba enjalo.
Ngokwenza njalo amakhankatha akutsho asebenze ngenyameko. Kwakhona, iindaba
ezifana nezi zokubolekisa ngebhoma kuba abakhwetha befuna utywala nazo zizinto
ebekufanele ukuba siyaziphakamela ukuze zingaphindi zenzeke. Xa sinokwenza
njalo ooTrengove aba abanakukhawuleza bakungxamele ukulawula imiboniso efana
nale xa bebona ukuba singamaXhosa siyasebenzisana kwaye siyazikhalimela izinto
ezingcolisa isiko lethu. Intsebenziswano kunye nesebe lezempilo, imithetho
efana neCustomary Male Initiation Act,
namanye amaphulo okulwa nokugqwaliswa kwesiko lolwaluko nokufa kwabakhwetha
siwaqhwabela izandla. Yanga singathi gqolo ukuqhubela phambili singethi mandla.
Amakhankatha agxile kanobom ukukhalimela ubusela, ubuvila, indlala,
ukuhlukunyezwa kwabantwana nabasetyhini, ukunukunezwa ngokwesini, nazo zonke izifo ezambethe isizwe esimnyama.

Isindululo

Ngelokuqwela, ndicinga ukuba iincwadi ezifana
nekaMgqolozana (2009) ethi ‘A man who is
not a man
’ kwakufanele ukuba nayo yalandelelwa, kukhangelwa undonakele,
ulungiswe ukuqinisekisa ukuba into eyamehlelayo ayiphindi yehle. SingamaXhosa,
luxanduva lwethu ukukhusela ukutshabalala kwesiko lethu. Ulwazi luya lulahleka
kodwa xa sinokulubhala phantsi ngokwethu lunako ukulondolozeka ukuze
nezizukulwana ezizayo zizuze nto. Baninzi ababhali ababhalayo ngolwaluko,
endingabalula kubo ooBurns-Ncamashe (1961), Sityana (1988), Satyo (1989), Zeka
(1992), Mandela (1994), Ntombana (2011), nabanye. Ndinethemba lokuba emva koku
kuza kuvela umboniso ongobuncwane beli siko kwaye ufundise ngeyona njongo.
Ndithetha ngomboniso oya kuba lilifa elingumthombo wemfundiso kwisizukulwana
esizayo ukuze inxeba lingabinako ukungxwelerha izizukulwana ezizayo. Uneendlebe
nje unetyala!