Libhaqeke liphila ixhegwazana laseGcuwa ebelikhwele kwiQuantum!

Ubhaqwe ephila kwaye ezihambela uMonica Nomonde Sihlali onamashumi asixhenxe anesithathu eminyaka ubudala welokishi yaseMchubakazi eGcuwa, emva kokuba ethe waduka iintsuku.

USihlali uchazwe njengobelahlekile kwisikhululo samapolisa saseGcuwa nakoonondaba emva kokuba engakhange afike kwisibhedlele saseFrere eMonti apho ebesiya khona. USihlali ubhaqwe kwisitalato iBlyth edolophini eGcuwa kuMvulo wale veki emva kwentsimbi yesihlanu ngorhatya, ebhaqwa ngunyana wakhe. Oku kudizwe sisithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson Manatha.

USihlali wagqityelwa ehamba nonyana wakhe ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga ephelileyo ngoLwesithathu ezintsukwini, phambi kwentsimbi yesithandathu ekuseni, emkhwelisa iimoto eziya edolophini eMonti.

“USihlali wayeyokukhweliswa ngunyana wakhe iimoto eziya eMonti, ekhwela kwidolophu yaseGcuwa. Ngokwengxelo yonyana uye wakhwela iQuantum ebinomqhubi kuphela ngaphakathi,” utsho uManatha.

UManatha uthi, ingxelo ephuma kunyana ibisithi, uSihlali ebeyokulanda umntwana kwisibhedlele saseMonti iFrere. Iingxelo zithi umntwana uye waphinda watsalela umnxeba kowabo esithi makazokulandwa kuba umakhulu akafikanga ukuzokumthatha, usalindile esibhedlele. Usapho lwaqaphela xa kulapho ukuba uSihlali akafikanga apho ebesiya khona.

UManatha uthi baseza kulincokolisa ixhegwazana ukuva ukuba kwenzekeni kulo. Unyana kaSihlali ngethuba simtsalela uthe bebesekugqirha bese unina wabo, uzakubuyela kuthi.