Libhaqwe libhubhile ixhegwazana lakuMvezo

Lixhegwazana elinamashumi asibhozo anesine ubudala (84) elihlala lodwa kumzi walo okwilali yakuMvezo phezu komlambo uMbhashe, eMthatha, elibhaqwe sele libhubhile.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Dineo Koena, umakhulu ufunyenwe sele ebhubhile enamanxeba okuhlatywa kumzimba ongentla.

“Ixhoba lihlala lodwa ekhayeni alinamntu olijongileyo. Ubhaqwe emva kwentsimbi yeshumi elinanye emini ngeCawe emva kokuba kuqatshelwe ukuba akabonwa phandle ephithizela,” kutsho uKoena.

UKoena uthi isizathu sokubulawa kwexhoba asikaziwa kwaye namapolisa akakabambi mntu.

Kubongozwa uluntu olunokuthi lubenolwazi malunga nokugwintwa kweli xhegwazana ukuba luhlebele amapolisa.

Inkumanda ebambeleyo kumapolisa ala mmandla uBrigadier Nomawethu Makonza usigxekile esi sehlo.

“Siyazikhalimela kwaye sizikhaba izehlo zokubulawa kwabantu abadala abaxhomekeke kwakubahlali ngokhuseleko lwabo. Sihlab’ ikhwelo kuluntu ekubeni kukhuselwe abantu abadala ingakumbi abasetyhini,” kutsho uMakonza.

Ilali yakuMvezo yilali apho wazalelwa khona owayesakuba nguMongameli weli lizwe uNelson Mandela.

Kule lali, kukwalapho umzukulwana kaMandela uNkosi Mandla Zwelivelile Mandela ahlala khona.