Libhaqwe lihamba ze, libhubhile ixhegwazana

Ixhegwazana elineminyaka engamashumi asibhozo, nelihlala lodwa kwilali yakwaNontsweleba eTina Falls kufuphi naseMthatha, lifunyenwe lihamba ze, sele libhubhile ngoLwesine.


Ingxelo ephuma kuKapteni Dineo Koena wamapolisa aseMthatha ithi ixhoba eli belihlala lodwa emzini walo. “Libhaqwe ngumakhelwane walo lisebhedini lihamba ngaze kwaye logqunywe ubuso kuphela, kodwa kungekho manxeba emzimbeni walo. Ixhoba liqapheleke lakungaphithizeli phandle njengesiqhelo ukuze umakhelwane ayokukroba.”


Ityala lokudlwengula kwanelokubulala livuliwe kwaye liyaphandwa ngamapolisa ala mmandla. Amapolisa abongoza uluntu luze ngaphambili malunga nolwazi ngesi  siganeko sokugwintwa kweli xhegwazana.


Obambeleyo njengenkumanda kwiKlasta yaseMthatha uBrigadier Nomawethu Makonza usikhalimele esi senzo. Ubongoze abahlali ekubeni bahlale bebakhusela abantu abadala abahlala bodwa kwiindawo zabo.

Ukanti kwinyanga ezidlulileyo kudlwengulwe ze kwaxhaxhwa, kwabulawa  amaxhegwazana amabini ahlala odwa eBityi nakuMvezo eMthatha.