Libhubhile igqala lejoni kuMkhonto weSizwe

Lindulukile iqhawe loMkhonto weSizwe (MK) nelungu lombutho we-ANC) eBhayi uMzukisi Pasley Skade obelilungu lekomiti yethutyana yalo mbutho kwingingqi yaseNelson Mandela Bay ebizwa ngokuba yiRegional Task Team (RTT) emele umbutho wamagqala iMK Military Veterans League (MKMVA).

USkade (57) obesaziwa ngegama likaSkira usutywe kukufa ngolwesine umhla wamashumi amabini anesibini (22) kule veki iphelileyo emva kokugula ixesha elingephi.

Le yinzalelwane yakweli lase- Bhayi eyazalwa ngonyaka ka1958 ngenyanga kaFebhuwari umhla wokuqala ezalwa nguDumile uyise nonina uBoniwe.

Amabanga akhe emfundo wawenza kwisikolo iThornhill Primary naseCowan High eNew Brighton.

Isafunda eCowan, le ndodana yasishiya eso sikolo yenjenjeya ukuya kwelaseMthatha phofu ingaxelelanga bani apho yayisiya.

Efikile apho watyelela kwesinye sezikolo zalapho ngeenjongo zokubhalisela indawo yokufunda nangona wayengenazintsiba zokuhlawula ngaphandle kwesenti ezingamashumi amahlanu (50c) awayezinkonyile.

Kuloo ndlela, emva kokuhlisana benyusana nenqununu yeso sikolo malunga nentlawulo wazicengezela ngokuthi uyakuhlawula ngokucoca isikolo rhoqo ngempela-veki.

“Wamkeleka kweso sikolo ngenxa yokuthabatheka kwenqununu ibona umntu onxanelwe imfundo kwaze kwankungona axelela abakowabo ngokunyamalala kwakhe. Walishiya eli ngonyaka ka1977 ngenxa yokutshutshiswa ngamapolisa obandlululo.

“Ziyathoba iibhanile zethu thina mathandazwe sihlonipha igalelo lakhe kumzabalazo we- nkululeko,” utshilo okaMhlahlo.

Inkonzo yomngcwabo wakhe iyakubanjelwa kwiholo iNangoza Jebe ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga ngentsimbi yesithoba.

isibhalo@inl.co.za