Igqala lomculo weKwaito uDoc Shebeleza ogama lokwenyani nguVictor Bogopane usweleke eneminyaka engamashumi amahlanu ananye (51) emva kokugula ixesha elide.
Umanejala kaDoc Shebeleza, uShakes Mavundla, ungqinile ukuba ubhubhele kwikhaya lakhe namhlanje ekuseni.
Iindaba zokubhubha kukaDoc Shebeleza ziza kwiintsuku nje ezimbalwa emva kokuba uMzantsi Afrika uve ngokusweleka kwemvumi nomdlali kamabonakude, uWinnie Khumalo, 51.
Kunyaka ophelileyo, uDoc Shebeleza wangeniswa esibhedlele izihlandlo eziliqela ngenxa yempilo yakhe. KweyoMnga ka2024, wenziwa utyando.
UMavundla uthi ngaphandle komculo, uDoc Shebeleza uza kukhunjulwa ngokuzinikela kwakhe okungagungqiyo ekwenzeni umahluko kubomi babantu.
“Esebenzisa iAmaha, umbutho wakhe wesisa, uzinikele ekuphuculeni uluntu nasekuphakamiseni abo basweleyo,” utshilo uMavundla.
Kuthiwa uDoc Shebeleza umsebenzi awenzileyo uquka ukwakha amakhaya abantu abangenamakhaya nokubonelela ngezitulo ezinamavili kwabo bazidingayo.
UDoc Shebeleza owazalelwa eSoweto, eGoli, waduma emculweni ngeminyaka yoo90 xa wathi wakhupha icwecwe lakhe lokuqala elithi, S’Kumfete ngo1996. Ezinye zeengoma ezidumileyo adume ngazo ziquka ethi, Ebumnandini, Gets Getsa, ukubala nje ezimbalwa.
UMavundla uthe iinkcukacha malunga namalungiselelo omngcwabo ziza kuchazwa ngexesha elifanelekileyo.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!