Libhubhile ilungu leqela i-EBMQ

Iqela lomculo wegospile elithandwa kunene luluntu lwaseMthatha, nelikwadume ngokuxhuma xa liseqongeni i-EBMQ, ligutyungelwe lilifu elimnyama emva kokuba elinye lelungu labo uKwandiwe Maqokolo esutywe kukufa emva kwengulo emfutshane kwimpela veki edlulileyo.

UMaqokolo (34), ebebizwa Pastor K, ubhubhele kwisibhedlele saseFrere eMonti.

Eli qela kwakunye nosapho lwakhe luthi kubuhlungu kwaye akululanga nokwamkela umphanga kaMaqokolo kuba ibingumntu nje onomahluko kwiqela lonke nasekhayeni. Ubhuti kamfi, uSandisiwe Maqokolo, okwalilungu leqela eli uthi ayikholeleki into ebehleleyo yokushiywa ngubhuti wabo.

“Silahlekelwe nyhani kuba ebesoloko egqama kuyo yonke into esiyenzayo, ebezinikela kuba xa siseqongeni siye senze izimbo zethu ngeenjongo zokonwabisa abalandeli bethu xa ibibanguye oqatselayo. Ebesoloko enoncumo. Ebengalindeli mntu uthile xa kunqongophele into kwiqela kuba ebesoloko efuna impumelelo. Ebekhupha nakuye empokothweni,” utshilo uMaqokolo.

UMaqokolo uqhube wathi ekhayeni umama wabo usaxhelekile kukubhubha konyana wakhe.

“Ekhaya ebengumntu woxolo, wothando, ebengenguye uphuma-silwe noba kubi kanjani, isisombululo ebephuma naso. Ebengenguye umntu othetha kakhulu kodwa ububele enabo kakhulu,” utshilo uMaqokolo.

UKwandiwe ushiya unkosikazi wakhe, iintsana zakhe ezintathu, umama wakhe kwakunye nabantwana bakamama wakhe kuquka nosapho lwe-EBMQ.

Namhlanje yinkonzo yesikhumbuzo kaPastor K kwiholo yoluntu kwidolophu yaseMthatha, iyaqala ngentsimbi yokuqala emini.

Uzakube ebekwa kwikhaya lakhe lokugqibela kwa-Old Payne KwaLindile eMthatha ngoMgqibelo, nangona nje eyinzalelwane yaseLusikisiki. Iqela i-EBMQ lasungulwa ngonyaka ka2000.

Ingoma abaqala ngayo eyayidume kakhulu yayisithi “Andigcwali ngo-7, ndiphakamisa amagama amathathu”. I-EBMQ ikhuliswe yimvumi eyaziwayo kwigospile uLusanda Mcinga.