Libhubhile iZim laseMt Frere

Umfanekiso wendoda yakwaBhaca (Mount Frere) ebulele umntu yamtya UMFANEKISO: FACEBOOK

Izim lakwaBhaca libhubhile kwiintsuku ezintathu emva kokutya amalungu omzimba wentokazi yale ndawo.

Isehlo esenziwe yile ndoda nenamashumi amabini anesithathu ubudala sokunqumla umqala ngemela le ntokazi, yandula ukutya inyama yayo sisashiye uninzi lubambe ongezantsi.

Oku kwenzeke ilanga lihlabe umhlaba kule dolophu ngoMgqibelo. Abayaziyo le ndoda bathi inomzimba omkhulu owoyikekayo. Ixhoba uThembisa Masumpa, ubonwe ngumama wakhe erhuqwa yile ndoda.

Okulandeleyo kukubonwa enqunyulwe umqala, eli zim lixhafuza inyama kaMasumpa. Amapolisa abiziwe ngumama wexhoba, afika kwangethuba kwindawo leyo yexhwayelo.

Ngelokuzama ukunqanda eli zim, nanjengoko belindlongo-ndlongo, amapolisa asebenzise iimbumbulu alidubula izihlandlo ezithathu ukuze libe liyathomalala.

Izim layokulala esibhedlele apho kudizwa ukuba libhubhele khona.

Isithethi seSebe lezeMpilo uSizwe Kupelo, sithi eli zim libhubhe ngentseni yangoLwesibini kwisibhedlele iNelson Mandela Academic eMthatha, emva kokuqaqanjelwa ngamanxeba embumbulu.

Isithethi samapolisa uKapteni Edith Mjoko, naso sikungqinile oku ukuba izim ngenene libhubhile esibhedlele.

UMphathiswa wezoKhuseleko eMpuma Koloni uWeziwe Tikana, uthi bayifumene ingxelo ngokubhubha kweli zim, kwaye ukhala ophanda ngeziganeko zolwaphulo-mthetho olwenziwa ngamapolisa i-IPID uyaqhuba nophando.

Kusenjalo, esi ayisosiganeko sokuqala sobuZim eMpuma Koloni.

Ngenyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka, kuye kwaxhelwa umntwana oneminyaka emine kuphela uKamvelihle Gwanya, exhelwa ngumalume wakhe akugqiba wasela igazi lakhe kwilali yakuNtsila eSajonisi.