Libuyile ixesha lezithembiso

Libuyile kwakho ixesha lezithembiso, nezincomo ezenziwa zinkokheli zikarhulumente weli, bethembisa bezincoma ngabakwenzileyo.

Ixesha lokuqala konyaka lelo xesha athi amasebe karhulumente abe zizinxadanxada ejikeleza ethetha nabantu ebathembisa ngeZulu nomhlaba. Emva kwentetho kaMongameli uCryil Ramaphosa, kulandele iiNkulumbuso eziquka iNkulumbuso yeli phondo uOscar Mabuyane ethetha noluntu lweMpuma Koloni.

Ingaba sinyanisekile xa sisithi ezi ntetho azinaziphumo zithi zilandele nanjengoko kuthethwa ngezinto eziza kwenzeka kunyakamali ngamnye.

Ngenene zikho, kwaye zininzi izinto ezenziwayo ngamasebe karhulumente, kodwa ithemba labantu nesidima sezi ntetho liyehla minyaka le. Oku kubangelwa zizinto ezininzi eziquka ukungahanjiswa kolwazi eluntwini ngezo zithe zaqhuba kakuhle izithembiso. Kodwa zikho izithembiso ezingaqaliyo ukwenzeka ezithi ziphuma kwezi zicaka zoluntu.

IArhente ejongene nonxibelelwano kurhulumente iGCIS, isilela ngenene ukubhentsisa impumelelo nemisebenzi emihle ethi yenzeke nokuba imbalwa. Oku kubangela ukuba abantu ngenene baphelelwe ngumdla kwezi ntetho, kubonakale ngathi akukho nto yenziwayo ngurhulumente.

Kwelinye icala nabo abaphathiswa bayasilela namagosa abo ukugcina uluhlu lwezinto abebezithembise uluntu beqinisekisa ukuba ngenene zilandelwe.

Kungenjalo kuthethwe inyani kubo kusithwa urhulumente akakwazanga ukufika kuzo zonke izithembiso zakhe. Kulusizi ukubona umdla wehle nakubasebenzi bakarhulumente ngezi ntetho, nangona ikwangabo ekulindeleke ukuba bancedise amagosa aquka iNkulumbuso nabaPhathiswa ukuqhubela phambili ezi zithembiso.

Xa kunokubizwa abantu baxelelwe ngezinto ezenzeke kwiiwadi zabo, zishiywe ngasemva izithembiso ezingenzekanga, okanye kuthethwe inyani ngokusilela kwezo zithembiso.

Ukusilela kwezinye zezi zithembiso kwenziwa lizinga eliphezulu lokungenelela kwabezopolitiko kwiinkqubo zikarhulumente. Ubusela nobuqhophololo bujika bubesisithuko ebusweni bezi nkokheli zikarhulumente. Imeko yokutshabalala kwamashishini aphantsi korhulumente lusizi nentlungu ebonisa ukuba liphelile ixesha lezithembiso.

Sisonke sinoxanduva lokwenza inguqu nokuba kungayiphi indlela sikhusele ilizwe lethu, kodwa singavumi ukusetyenziswa ziinkokheli zopolitiko.