Licela inkxaso yemali iqela elidanisayo

Abantwana abasakhulayo basePefferville eyaziwa njengePeffy, Parkrigde, Parkside, Ziphunzana kwaneScenery Park eMonti, bakhula bebukela okuhle nokubi okwenziwa phambi kwabo elokishini ngabadala kunabo, bambi abanye abantwana baphele bengenelela nabo. Oku kwasusa uMichelle Ngciphe weMicka’ Stars Dance ekubeni aqokelele abantwana abaqala kwiminyaka emine (4) ukuya kumashumi amabini (20) ekubeni abafundise ukudanisa – into eza kuthi iba xakekise iingqondo xa bebuya esikolweni.

“Eli qela siliqale ngo2017, ndifundisa, ndikwaqeqesha abantwana ngoku baselula kwenzele bakhule beneengqondo eziphaphileyo kwaye ezicinga okuhle, hayi ukuzibandakanya nezinto ezigwenxa ekuhlaleni. Abadanisi qha siyabaxhobisa sikwabafundisa nangohlobo lokuziphatha, abo bangamakhwenkwe nabo bangamantombazana,” utshilo uNgciphe.

UNgciphe uthi kwezi ndawo zingentla aqeqesha kuzo kugcwele abantwana abayeka phakathi esikolweni, abakhulelwa besengaphantsi kweminyaka nabazibandakanya nolwaphulomthetho. Uqeqesho lubanjwa rhoqo ngeveki emva kwemini eHarry’s Community Hall.

Ngemepelaveki eli qela belinokhuphiswano lokudanisa ebelubizwa ngokuba “Isiqalo Somntwana” kuba lizama ukuqokelela kwanokonyusa ingxowamali yabo yokuya kukhuphiswano lokudanisa eliseGoli kule nyanga sikuyo. Olu khuphiswano luza kuba zintsuku ezimbini, luqala ngomhla wamashumi amabini anesithathu eSilver Star eGoli.

Eli qela licela ukuxhaswa njengoko kusenzima ekubeni kuphelele imali yokuhamba kwalo. Abahambayo balishumi elinesibini.