Licela uncedo usapho lakwaMcunukelwa

Le veki singena kuyo izakuba yeyesine umzimba wonyana wakwaMcunukelwa kwidolophu yaseNgcobo ukugcino lomzi wezidumbu.

USiyamcela Mcunukelwa obeneminyaka elishumi elinesihlanu usweleke emva kwengulo ende yonyaka wonke.

Kungoku nje umama wakhe akazi ukuba uzakuthatha ntoni adibanise nantoni ukuze angcwabe unyana wakhe. Olu sapho beluhleli nale ngxaki lungazi ukuba mabaphume babheke ngaphi ukucela uncedo, intlungu yabo iye yavela ngelixa umbutho wabahlali iSANCO ubujikeleza kwilali yaseDebera kuMbekeni apho befike kulo mzi unale ngxaki.

Usekela sihlalo walo mbutho kwingingqi yaseNgcobo uBantu Songca uthi njengombutho ojongene nabantu ngumsebenzi wabo ukuba imiba efana nale bayizise ebantwini ngethemba lokuba abantu bayakuba nosizi bafake isandla kungcwatywe le ndodana.

Umama kaSiyamcela ongaphangeliyo nowaswelekelwa ngumyeni kwiminyaka egqithileyo ujongene nokukhathalela abantwana abasixhenxe.

Kweli khaya kuphilwa ngemali yesibonelelo sabantwana abathathu, ukusweleka kukaSiyamcela kwenza kushiyeke ababini.

Umama wale ndodana uNonasile Mcunukelwa uthi umngcwabo wonyana wakhe uxhomekeke kwiinceba zabahlali.

“Akukho nto ndinayo nemfuyo ebikhona yaphela kungcwatywa utata waba bantwana, ngoku ndindodwa, bekubuhlungu ukuhla ndinyuka nalo mntwana egula kubuhlungu nangakumbi ukuhlala kwakhe kula mkhenkce ndingazi uzakude aphume nini’’ utsho uNonasile.

Umbutho iSANCO kunye nosapho lwakwaMcunukelwa lucela nabani na ongafaka isandla ukuba ancedise, lo mzalikazi uthi ukuba angafumana nje imali yokuhlawula indawo agcinwe kunye nebhokisi angabulela.