Lichaziwe igama lenkosikazi ebulele indoda yayo

Ubuyela namhlanje kwinkundla yamatyala eNgqamakhwe uNosipho Nyanda onamashumi amane anesine ubudala ojongene netyala lokuhlaba abulale isithandwa sakhe uXola Sipuka, naye onamashumi amane anesine, nalapho azakube efaka isicelo sebheyile.

UNyanda uvele okokuqala enkundleni kwiveki edlulileyo ejongene nezityholo zokubulala uSipuka.

UNyanda wabanjwa kuLwesihlanu weveki ephelileyo ebusuku emva kokuba ehlabe uSipuka kwikhaya lakhe kwilali yaseMaxelegwini eNgqamakhwe.

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha, uthi oku kwenzeka ngethuba esi sibini sizihlelele nekubonakala ukuba kwabakho ukungavisisani phakathi kwaso, kulapho uNyanda waye wathi rhutyu imela phezu kwetafile wahlaba ixhoba kanobom kumzimba ongentla. USipuka wabhubhela kwindlela eya esibhedlele eNgqamakhwe.

Kusenjalo, amapolisa aseNgqamakhwe aphanda ityala lokubulala emva kokuba kubhaqwe owasetyhini ogama linguYoliswa Gwalaza (34) sele ebhubhile kwigumbi lalowo athandana naye kwilali yaseMpukane kubusuku bangoMgqibelo.

UGwalaza ubhaqwe ngusisi osisihlobo kwindoda, embhaqa sele wabanda kwaye enamanxeba kumzimba wakhe ongentla.

Indoda yona yabe ingabonakali nangotshengele kwigumbi elo layo, ibalekile. Amapolisa abongoza kuluntu ekubeni oyibonileyo le ndoda ancede eze ngaphambili.

Ayikabonakali sukela oko kwenzeka isehlo esi. Onokuba nolwazi angatsalela ku047 487 1010.