Lichithwe njani ityala?

UNowam Melakhe, Mamela Wontoti kunye noNosiphelo Nkqayana olixhoba lokudlwengulwa noxa ephila nenkubazeko

Usapho lukaNosiphelo Nkqayana (31) okhubazekileyo waseTsholomnqa eMonti luphila ubomi bentshontsho emva kokucinywa kwetyala lendoda ibidlwengule lentwazana.

Eli xhoba ladlwengulwa emini emaqanda yindoda eyaziwayo lusapho emva kokuba yafika yavala ucango yazenzela kulo ukhubazekileyo, kodwa ityala lacinywa yinkundla yomthetho eMonti.

Unina wexhoba uNowam Melakhe uthi bayoyika abakwazi okunokwenzeka kubo emva kokuba le ndoda yadlwengula uNosiphelo ithe yakhululwa ngumthetho ngenxa yokucinywa kwetyala.

“Ugqitha apha yonke imihla lo mfana, asimazi ukuba ucinga ntoni ngathi, wafunyanwa ngabantwana evale ucango edlwengula uNosiphelo apha kule ndlu, babaleka abantwana bakhwaza abantu, kwabizwa amapolisa wabanjwa, kodwa ukhona ngoku,” ekhathazekile utshilo uMelakhe.

Uthi umcuphi owathatha eli tyala wabaxelela ukuba azakubizwa amangqina aquka abobantwana babembonile umtyholwa nexhoba ukuba beze enkundleni, akuzange kwenzeke oko, koko lisuke lacinywa ityala.

Oku kuvele ngethuba indibanisela yamakhosikazi enkonzo yaseWisile athe aqhuba uqhankqalazo kwiveki ephelileyo egqithisa uxwebhu lawo lezikhalazo kumapolisa aseTsholomnqa.

Okhokele inzame zokulwa ulwaphulo-mthetho eTsholomnqa uMamela Wontoti uthi bafuna livuswe eli tyala.

“Lichithwe njani ityala amangqina engayanga enkundleni, livalwa njani ityala ixhoba linganikwanga ithuba lokuvela enkundleni, oko bebelindile ababantu belinde ukubuya kwelopolisa ukuba libaxelele ngomhla wetyala akukhange kwenzeke oko,” utsho uWontoti.

Umzala kaNosiphelo obehamba phambili kwiinzame zokuba kubanjwe kuvalelwe umtyholwa uNonzaliseko Melakhe, uthi babuhlungu ngenxa yesi senzo.

“UNosiphelo wathathwa wasiwa kugqirha wangqina ukuba ngenene udlwengulwe, wamnika iipilisi zokuthintela ukumitha, nezo zithomalalisa isifo ugawulayo, sixelelwe ngokuthunyelwa iSMS ukuba ityala lichithiwe, nanku umyalezo, ‘Hi cc Nonzaliseko Bendikufounela ikwivoicemail iPhone yakho bendizakuxelela ba icase ichithiwe ecourt plz call me’.”

Lo ngumyalezo owawusuka kwipolisa ebelingumcuphi weli tyala, itsho ingxelo. Uthi kudala belindele ukuhanjelwa lipolisa njengoko lalenzile, ukuza kubaxelela ukuba beze kungqina etyaleni.

“Eli polisa lasixelela ukuba lizakuba lizekuthatha uNosiphelo naba bantwana babebone le nto, kuze kuqhutyelwe phambili netyala, akakwazi kuthetha uNosiphelo, kodwa bakhona abantwana aba babebone le nto,” utsho uMelakhe.

Ingxelo ithi aba bantwana babuya ekudlaleni bafika ucango lendlu luvaliwe, bazama ukutyhala kuba bengazi ukuba ulivale njani uNosiphelo, kodwa beva ingxoxo ecacisa ukuba uyadlwengulwa uNosiphelo, waza omnye kubo wabaleka wayakubiza abantu abadala.

Ngethuba eli phephandaba lityelele eli khaya ibonakele le ndoda izigqithisa kwikhaya likaNosiphelo. Igama lomtyholwa liyaziwa liphephandaba.

Liphezulu inani lamatyala odlwengulo acinywayo kweli ngenxa yento ekuthwa kukungabikho kobungqina, logama amaxhoba eshiyeka engcungcutheka.

Othetha egameni leNPA eMonti uTsepo Ndwalaza akafumanekanga ukwenza ilizwi ngezizathu ezibangele ukuba liphume enkundleni eli tyala.

Ukanti amapolisa aseMonti wona ngomlomo kaWarrant Officer Hazel Mqala athe: “Babecetyiswe ukuba baye enkundleni ukuze bacele ingcaciso ebanzi, ukuze kufunwe olunye uncedo elizakukhokelela ukuba livulwe kwakhona eli tyala. Xa kunokufumaneka uncedo lokutolikwa kwentetho yexhoba lingavulwa kwakho ityala.”