AMAQUMRHU aseMpuma Koloni sele emi ngobume ukuya kuqaqambisa ubuhle nendalo yeli phondo xa kubanjwe umsitho wezokhenketho (Tourism Indaba) eThekwini kule mpelaveki.
Lo msitho uqala ngomhla wesixhenxe, kwaye uzakuqhuba kude kube ngomhla wesithoba kule nyanga. Phakathi kwamanye ala maqumrhu singabalula i-Arhente yezokhenketho nemiyezo yaseMpuma Koloni (Eastern Cape Parks and Tourism Agency), iNelson Mandela Museum eMthatha, Steve Biko Centre eQonce, Nelson Mandela Bay Tourism ukubala nje ambalwa.
Olu qhogelwano lwala maqumrhu sisiqalo esiqulunqwe liphondo ngeenjongo zokubonisa ubuhle bendalo yephondo, iziza ezinomdla zenkcubeko yephondo kwaneendawo ezifana nesixeko saseBhayi ebesisandula kubhengezwa njengekomkhulu lentlanzi yohlobo lwe-Dolphin kwihlabathi liphela.
“Ukuqaqanjiswa kwephondo kumaqonga apho kukho abakhenkethi behlabathi, kufuna ukuba sigxile nangakumbi kuloo nto siyenzayo. Xa abakhenkethi bebone loo nto bayithandayo, oko kuthetha ukuba mninzi umsebenzi owenziwe ngabo banoxanduva lokuthengisa iphondo kubakhenkethi bangaphandle,” itsho ingqonyelwa ye-Eastern Cape Parks and Tourism Agency uVuyani Dayimani
. Omnye wabazakuthi babeyinxalenye yalo msitho uchongiweyo nguVelile Ndlumbini nongumnikazi weImonti Tours, iImonti Tours ijongene nokuthutha abantu bangaphandle abazokukhenketha kweli phondo leMpumaKoloni nekusa naphi na apho ufuna ukuya khona ikubonisa ubuhle bePhondo. UNdlumbini uthi, yena eyonanto imenza aphumelele, kwaye atsale umdla kuba- khenkethi kukuba ubasa kwezona ndawo abantu abamhlophe nabamanye amaphondo bazithandayo:
“Umzekelo ezilani, abamhlophe bayakholwa kakhulu yimpilo yabantu basezilalini kuba ezinye zezinto thina bantu beli phondo esizijongela phantsi bona abamanye amazwe iba- ngummangaliso ibeyinto enkulu kubo bafunde nangenkcubeko yethu,”utshilo uNdlumbini. Uthi sele izakubamngunyaka weshumi elinanye lo emenywa kulo msitho nalapho athi bafike bachaze esidlangalaleni ngamashishinni abo.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro