Lidala eli dabi likaGeorge Floyd!

Emva kokufika kwenqwelo yokuqala yabaPhuthukezi kweli ikhokelwe nguBartalowe Diaz ngo1487, kuthathe isithuba sonyaka ukuba kufike enye inqwelo yabaPhuthukezi ngo1497, yona ikhokelwe nguVasco Da Gama.

Eli dabi ulibona eMelika namhlanje laqala ngoko, kuba lamadoda omabini avula ithuba lokuthengiswa kwabantu balapha eAfrika, bethengiselwa izityebi zaseNtshona eMelika nezinye iindawo, besenziwa amakhoboka.

Imbali ithi inqwelo yokuqala ukuthutha ooyisemkhulu bakaGeorge Floyd besuka eAfrika besiya kumazwe aseNtshona naseMekila, yanduluka kweli ngo1526 isiya eBrazil.

Emva koko amazwe aseNtshona angxama ethenga okanye enyanzela abantu beli ukuba babe ngamakhoboka kwiimbombo zone zelizwekazi laseAfrika. Aba bantu bebefunyanwa kwiindawo ezineemfazwe, kwiindawo ezinezifo, abanye bethengiswa ziiKumkani neeKumkanikazi neeNkosi zamazwe abo.

Imbali ithi ezi Kumkani bezizuza okuthile ngokuthengisa aba bantu bekhuthazwa ngabelungu ukuba benze oko. Ikhoboka elo ibiba yindoda, indoda nomkayo, indoda nomkayo nabantwana bayo.

Bebeqokelelwa ke bagcinwe, benyanzeliswa ndaweni ithile logama belinde izikhephe eziza kubathutha. Bezininzi iinyoba ebebekhweliswa kuzo xa behamba beshiya eli laseAfrika ukuya kumazwe aseNtshona.

Ukufika kwabo ke kumazwe aseNtshona bebethengiswa kwintengiso yasesidlangalaleni, athi ke lowo unemali afumane eyona ndoda ifanelekileyo. Okubuhlungu ibikukuba bekuthengiswa abantu abamnyama bethengiselwa abelungu.

Xa kuthengiselwa umntu ebexelelwa ukuba eli khoboka lisuka eAfrika, londlekile, linamandla, oonyana balo baza kukhula babengamakhoboka afanelekileyo nabo. Bebesetyenziswa kabuhlungu kumasimi ecuba, aweswekile, awombona, emahlathini begawula imithi nasezindlini zabanikazi babo.

Aqikelelwa kwishumi elinesibini ukuya kwishumi elinesine lezigidi amakhoboka athathwa kweli esiya eYuropu nakumazwe aseNtshona kwisithuba seminyaka engamakhulu amabini.

Ukuphela kwengcinezelo kubantu abamnyama eMelika ayiyonto ilula inokwenzeka ngephanyazo, kodwa ifuna inguqu ecacileyo kumazwe ehlabathi. Kutheni ingakwaywa lihlabathi lonke iMelika ngenxa yengcinezelo kubantu abamnyama.

Ukungena kukaBarack Obama njengomongameli, iAfrika nesizwe esimnyama kwihlabathi saba nethemba, kodwa lasuka landa nangaphezulu inani labantu abamnyama ababulawa ngamapolisa eMelika.

Ngo1987 aba bantu babulala uPeter Tosh emva kokuba edize ukuba uyalishiya ilizwe laseJamaica ufuna ukubuyela eAfrika, wachaza ukuba uza kucela indawo yokuhlala eZimbabwe kuba yayisandula ukukhululeka. Wadutyulwa endlwini yakhe wabhubha ngenxa yokuba wayekhuthaza abantu abamnyama kwiCarribeans ukuba babuyele eAfrika bashiye iYuropu neNtshona. Lidala eli dabi likaGeorge Floyd.