Ngethuba uZoleka Spargs esungula ibandla iHorebhe Apostolic Church in Zion ngo1996 wayeqinisekile ukuba uThixo uzakuba naye kwizinto zonke ngamaxesha onke.
Zange akhe aphuphe nangemini enye uMampinga (isiduko sikaZoleka) ukuba kungaze kophulwe umoya wakhe, kucudulelwe phantsi isidima sikaThixo amkhonzayo ngokuthi kuchithwe umzi wakhe onetempile yokunqula uThixo.
Ngethuba abadilizi bezindlu bebediliza bentlifiza izindlu zaseNkanini eCofimvaba kwinyanga ephelileyo, begunyaziswa yinkundla ngokwemiyalelo yomasipala waseNtsika Yethu, zange usinde umzi kaMampinga onetempile yamaZiyoni.
“Esi siganeko sibuhlungu sehle ngexesha elixakekileyo xa kanye silungiselela inkonzo yePasika, kuba kwachithwa ngoLwesibini we22 kweyoKwindla uba izakuba ngoLwesihlanu iPasika. Khangela ke ukuba sasilindele inginginya yabakhonzi abavela koomaKapa ,Cumakala, Qonce, Gcuwa nakuCentane nanjengoko singundlunkulu weli bandla. Kodwa zange isitheze mandla loo nto saqhubeka nokukhonza iNkosi kobu bugxwayiba,” utshilo uMampinga engqinelwa zezinye iinkokheli zebandla eziquka uBhishophu Lindikhaya Landingwe, Bhishophu Zwelonakele Bokolo noMfundisi Sizet Gladile.
UGladile waleke umsundulo esithi, “Ewe liyinene elokuba akudilizelwanga thina sodwa, kodwa yiyo yodwa icawa ediliziweyo . Kodwa loo nto ilwenze lwaqina nangakumbi ukholo lwethu kuba kaloku noYesu wayesematyaleni ngeza ntsuku. Sibaxolele abantu abadilize apha kuba benza abangakwaziyo. Angekhe sivuyise usathana ngokubamba amagqubu okanye siyeke ukukholwa koko sizohlala apha ade abuye uYesu.”
UMampinga ongumthandazeli unabantwana abathandathu nomyeni wakhe uGreyton Mahlelehlele ongusomashishini okhasayo.
Bachithelwa eli khaya labo, zawiswa bhuma phantsi izindlu ezintathu ezazakhiwe ngezitena ezidurayo, kwenziwa umonakalo ongaphaya kwengqondo kuchithwa nkqu nomthendeleko wecawa yePasika nokutya okwakulungiselelwe iPasika.
Uthi, akazi ukuba bazakuthini na beli bandla, kodwa bazakulinda eNkosini abayikhonzayo.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo