Lidliwe lizembe uninzi looceba eBCM

LISHUMI elinanye labagqatswa ebebefudula beengoceba beANC kumasipala ombaxa iBuffalo City abazakubuyela emsebenzini wabo xa bethe baphumelela kunyulo loorhulumente basemakhaya oluzakubanjwa kwinyanga ezayo.

Kunyulo lika2011 iANC ibiphumelele amashumi amane anesibini (42) kumashumi amahlanu (50) eewadi zalo masipala.

UXola Pakati ongusihlalo weANC kwingingqi iBuffalo City eyaziwa njenge-W.B. Rubusana uthe abavoti bonelisekile ngabo bazakuphinda babuyele.

Uqhube wathi, “Kuphumelele idemokrasi yombutho, ooceba abakuluhlu baphumelele iinkqubo zonyulo labagqatswa kwaye lo nto ithetha ukuthi siyiANC sonelisekile yindlela abasebenze ngayo.”

Ukwathe abanye babo bangekhoyo kuluhlu bakuluhlu looceba abamele uluntu ngelixa abanye beshiyile kuba bebengazukuba ngooceba banaphakade.

UPakati ukwathe, mnye kuphela uceba oshiyileyo, wakhetha ukuba ngumthi uzimele nguMoody Nel.

Ukwathe unethemba lokuba abavoti kwesi sixeko bazakuphinda babathume kulawulo lwalo masipala. Iyantlukwano phakathi kwamalungu eANC kule ngingqi yakhokelela ekusekweni kwesinye isingqeba.

Amashumi amabini anesithandathu (26) amalungu alo mbutho akwesinye isingqeba azakungenela unyulo njengabagqatswa abazimeleyo.