Lidlwengulwe lakugqiba labulawa igqiyazana ledolophu yakuGatyana

Kubulewe intwazana eneshumi elinesibhozo yelali yakuCiko kuGatyana ngabarhanelwa ababini ngoLwesihlanu.

Isithethi samapolisa alo mmandla uKapteni Jackson Manatha uthi, le ntwazana ineshumi elinesibhozo iye yadlwengulwa phambi kokuba ihlatywe ibulawe sesi sibini samadoda. “Oku kwenzeke ebusuku ngezithuba zentsimbi yeshumi kwilali yabo eMnqayi kuCiko ngakuGatyana. Bobabini abarhanelwa babanjwe ngoMgqibelo kwakule lali. Ixhoba belinamanxeba kumzimba walo ongentla,” utshilo uManatha.

Esi sisbini sizakuvela phambi kweenkundla zamatyala kuGatyana namhlanje ngezityholo ezijongene nazo esokudlwengula kwakunye nesokubulala. Iziganeko ezilolu hlobo lokuxhatshazwa kwamanina zixhaphakile kummandla wakuGatyana.

Kwiivekana nje ezimbalwa ezidlulileyo, urhulumente wephondo ebebuthelene eNqadu kuGatyana ngeenjongo zokuba kuliwe umkhwa wokubulawa nokudlwengulwa kweentsana noomama. Oku kuza emva kokuba iKumnkani yamaXhosa jikelele uZwelonke Sigcawu wabongoza urhulumente ekubeni angenelele ngoncedo.