#LifeEsidimeni Qedani: ‘Andiyazi babulawa yintoni’

Qedani Mahlangu UMFANEKISO: Itumeleng English

Emva kokuxolisa, entlimpinika, futhi enxibe iimpahla zophawu lwenzila, obesakuba nguMphathiswa wezeMpilo eRhawutini uQedani Mahlangu utshintsh’ intetho izolo, esithi akayazi into eyabulala abantu abagula ngengqondo kwinyhikityha yaseLife Esidimeni.

Namhlanje [Lwesine] uMahlangu ebevela okwesithathu phambi kweqoqo elimiselwe ukuxovula isizekabani sokubhubha kwabantu abagula ngengqondo ababalelwa kwikhulu elinamashumi amane anesithathu (143) emva kokususwa eLife Esidimeni lisebe likaMahlangu ngaphandle kokulandela imiqathango.

Ezi zigulana zasuswa eLife Esidimeni zisiwa kumaziko angenanto yakwenza norhulumente (NGOs), apho kwavela ukuba ubuninzi bawo ayengakulungelanga ukuhlala abantu abagula ngengqondo.

Ubuninzi bezi zigulana zabhubha ngenxa yokuswela amanzi emzimbeni, logama ezinye kubonakala ukuba zabhubha ngenxa yokuswela inkathalo.

Lixesha lide iqoqo elikhokelwa nguMoseneke lifuna uMahlangu aze kuphendula, kodwa wabe engekho nanjengoko esithi ufunda eBhritane.

NgoMvulo, uMahlangu uthe uyaxolisa ngale nyhikityha. “Ndiyaxolisa kakhulu ngokuba niphulukene neentsapho zenu. Ndiyayazi ukuba ukuxolisa kwam, akunakubuyisa iintsapho zenu,” kutsho uMahlangu, ngoMvulo.

Kodwa izolo, ngethuba ephekwa esophulwa ngemibuzo, uMahlangu uthe akayazi into eyabangela ukuba kubhubhe abantu. “Andiyazi into eyabangela ukuba babhubhe. Ndide ndemka kurhulumente kusafunwa iimpendulo,” utshilo uMahlangu izolo.

Ethetha oku nje, kukuba lo kaMahlangu uye wawubetha ngoyaba umbuzo kaMoseneke wokuba yintoni eyabangela ukuba alahle kwisikhundla sakhe. UMahlangu ukwaveze ukuba ufumana ukuyucwa luluntu ngenxa yale nyewe yaseSidimeni. 

Le veki ihlelelwe ukuva uluvo lukaMahlangu malunga nale nyhikityha yaseSidimeni. NgoLwesine, amagqwetha amele amaxhoba apheke esophula uMahlangu, embuza ngokuthabatha inxaxheba kwimisitho yokugaya inkxaso kwiANC ngo2016 logama kukho ingxaki eSidimeni. Akakhange awuphendule ncakasana lo mbuzo, endaweni yoko uthethe apha naphaya de wayekwa ngamagqwetha.