Lifumene indlu iqhula leSocial Media

UVuyokazi Vovo Nguqu nodume kwezonxibelelwano ngeevidiyo ezihlekisayo ufumene indlu awathi wayicela kuMongameli Ramaphosa Umfanekiso: Buziwe Nocuze

UVuyokazi “Vovo” Nguqu oneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala, akawuvali umlomo kulandela ukufumana indlu yakhe kwindawo yaseForest Village eKapa.

Exelela I’solezwe lesiXhosa, uNguqu nowaziwa kakhulu ngeevidiyo zakhe athi onwabise ngazo, uthe kudala eyifuna indlu kodwa ke ubulela kuMongameli uRamaphosa.

“Izinto zinendlela yazo ezenzeka ngayo, yayinguAgasti kunyaka ophelileyo ngethuba ndidibana noMongameli kumsitho wamanina owawubanjelwe ePaarl, kulapho ndathi ndafumana ithuba lokucela indlu,” utshilo uNguqu.

Uthi ngethuba abantu bembuza ukuba akafuni na ukuthetha noMongameli babecinga ukuba ngumntwana omncinane ngenxa yokuba mfutshane kwakhe.

“Ndabuzwa ngomnye umlungu, ndamxelela ukuba ndiyafuna, ngenene wandithatha wandisa kuMongameli, nanko uMongameli endifunqula ecinga ukuba ndingumntwana, waye wabuza ukuba ndicela ntoni na, kwaye nalapho wayecinga ndiza kuthi iilekese, ndasuka ndacela indlu,” utshilo uNguqu.

Ngethuba esithi ucela indlu kuMongameli uthi waye wabonakalisa ukothuka nanjengoko yena wayecinga ufunqula nje umntwana oza kucela izinto zokudlala.

“Emva kokuba ebonile ukuba ufunqule intomb’endala waye wasenza isithembiso sokuba ndiza kuyifumana indlu, kodwa zange ndimthembe kuba abantu bepolitiki abananyani.”

Wothuke woma xa efumana umnxeba omazisayo ukuba indlu yakhe sele ikhona.

“Ndicinge kuyadlalwa kwaye bendingayikholelwa lo nto de ndabe ndiyokufika endlini. Kwaye andizukuxoka, bendicinga le ndlu ndiza kuyifumana uMongameli endithengele nezinto zangaphakathi kodwa ke akusenani,” utshilo.

Uqhube wathi ucela kuye nabani na onokuthi amncede ngokuphosa esivivaneni ukuze azokukwazi ukuthenga izinto zendlu yakhe.

“Andifuni ke abantu bacinge ukuba ndisebenzisa imeko yam ukuze ndisizelwe, kodwa ndiludinga nyhani uncedo, kwaye ndizamile nokufuna umsebenzi qha khange ilunge lo nto.”

Watsho esithi ebekhe wazama ukuphangela eCall Centre kodwa ngenxa yezikhalazo zabantu zange ibheke ndawo lo nto.

“Abantu babevele bathi ndidlala ngabo (prank), abanye bathi ndingumntwana odlala ngefowuni, ngolo hlobo ke ndabe ndiyalahlekana nelo thuba,” utshilo uNguqu.

Uqhube wathi ubulela kusapho lakwaNgumbela oluseDutywa noluthe lwamfakela imali yokuba abe ethenga ibhedi nezinye izinto.

“Ndiyabulela kakhulu kubo kuba ngendilala phantsi ngoku, kodwa ngenxa yobubele babo bakwazile ukundifakela imali, ndithi kwande apho bathatha khona,” utshilo.

USiyavuya Mapukata nongumzala kaVuyokazi, uthe uvuye kakhulu xa esiva ukuba uVuyokazi ufumana indlu.

“Wonke umntu unqwenela ukubanendawo yakhe, nomzala wam ke akohlukanga, ebeyifuna indawo eyeyakhe kuba ukuhamba uhlala akulunganga.

Sibulela kubo bonke abantu abaqinisekise ukuba uyayifumana indlu yakhe,” utshilo uMapukata.