Lifumene inkxaso kurhulumente ishishini lezixhobo zokucoca

Inkampani ethengisa amachiza okucoca nekhokelwa yinkosikazi emnyama yeli phondo ifumene inkxaso yezigidi ezibini zeerandi (R2 million) kurhulumente wephondo.

IBrite Wave Products and Cleaning Services ekhokelwa nguPortia Mcono ifumene inkxaso kwisebe lezophuhliso loqoqosho laseMpuma Koloni.

Eli shishini livelisa izixhobo zokuccoca ezifana nesephu engamanzi yokuhlamba izitya, eyokwenza mhlophe iimpahla, eyokuhlamba iinwele kwakunye negaqa lesephu lokuvasa umzimba.

Le nkampani yaqalwa nguMcono ngonyaka ka2008. Emveni nje kokuba eqale eli shishini uMcono waye wazixuba namashishini afana neli lakhe ngeenzame zoyokufumana uqeqesho oluphangaleleyo kwanenkxaso kwishishini lakhe.

Eli shishini lakhe into esele intle ngalo kukuba lidalela nabanye abantu amathuba engqesho hayi yena yedwa.

“Inkampani yaqala inabantu ababini kuphela endandibaqashile, kodwa namhlanje sele bengamashumi amabini anesibhozo abasebenzi kumasebe ale nkampani amathathu, eliseMdantsane, eGcuwa kwakunye naseKaladokhwe,” utshilo uMcono.

Ngokokutsho kwakhe kwakhona elesine isebe kulindeleke ukuba alivule kungekudala kwidolophu yaseRhini.

Uthi ishishini lakhe likhula ngokukhula ngenxa yenxaso athe wayifumana yoqeqesho, ukuhamba iindibano zocweyo (workshop) ebezifumana kumaqumrhu ohlukeneyo afana noTransnet kwakunye noSEDA.

UMcono akakhange aphelele apho, uye wawangenela namakhuphiswano ezoshishino njengoko ebekholelwa ukuba ishishini lakhe nalo linako kwaye lingaqubisana namanye.

Ukanti le nzwakazi ishishini layo selikhe laphumelela isixa semali esingange-R50 000 kukhuphiswano iEskom’s Business Investment Competition.

Uthi ukuphumelela kwakhe kwamenza wafumana abathengi abatsha abongezelelkileyo njengoko waye wathenga amachiza amatsha azakuphucula lawo ebesekho.